Abavumi kugoba uphondo eRhodes

Abafundi beYunivesithi iRhodes eRhini banyanzelisa ukuba abaphathi beli ziko-mfundo babayekise esikolweni abantu abachaphazeleka kwizehlo zokudlwengula kweli ziko.

Olu luhlu lwabantu, nolwaziwa nje nge #RUReferenceList kumakhasi onxibelelwano, lukhutshwe ukusukela ngeCawe.

Ingqonyela yale Yunivesithi uGqirha-lwazi Sizwe Mabizela uthe: “Imigaqo esiyilandelayo kumba wodlwengulo iyafana nqwa naleyo ikhankanyiwe kumthetho woMzantsi Afrika.”

Abafundi bamanyane, ukuze baguqule imigaqo yodlwengulo kuleYunivesithi kuba bekholelwa ukuba abadlwenguli ayibenzi bathathe uxanduva lwezenzo zabo ngoko ke abaphathi basuke bawuvalele ngaphandle umba wodlwengulo.

Abafundi abebebanjiwe kolu qhankqalazo, bakhutshwe ngesilumkiso, kwaye bazakuvela kwakhona ngomhla wama-20 kweyeKhala kulo nyaka.

Le yunivesithi isikhuphile isibhengezo sokuba ivalile ukuba izophinde ivule ngoMvulo.

Iziphatha-mandla zale yunivesithi zizakudibana kwindibano namhlanje ukuzama amalinge okusombulula le meko.