Abawuvali umlomo ngoNostendi kuFacebook

ULonalinamandla Bawuti uthengisa iziqhamo kwizitalato zaseMthatha umfanekiso: uthunyelwe

ULonalinamandla Bawuti oneminyaka engama25 noyinzalelwane yelali yakuSigiba eMqanduli, uqhwatyelwa izandla ngabalandeli bakaFacebook.

Oku kulandela emva kokuba ethe wabonisa ngesitendi sakhe seziqhamo nalapho athengisa ezi ziqhamo esitalatweni kwidolophu yaseMthatha.

Ukuba yintandane kwakhe kwikhasi likaFacebook, uninzi lumncoma ngomsebenzi wakhe nokuthi enze umsebenzi ojongelwa phantsi ngabaninzi, ingakumbi enesidanga, kuthe kwamnyusela abathengi.

ULonalinamandla unesidanga seDiploma kwiStrategic Advertising nathe wasifumana eBoston Media House kwaye usaqhubeka nokwenza iPerforming Arts eCity Varsity.

ULona uthethe wenjenje: “Eli shishini lelikadade wethu nawathi waliqala ngenxa yongafumani msebenzi, ze waqala esi sesibini, esi ke ndisebenza kuso mna. Isidanga sam seStrategic Advertising siso esindincedise kakhulu ukuba ndikwazi ukuthengisa ishishini lam kumakhasi onxibelelwano kuba abantu abaninzi bafumaneka khona kwaye kuyafikeleleka ngokwezimali kubantu abangenamali yokuya kwezinye iindawo zentengiso.”

UBawuthi uqhubeke wathi ukuthengisela estendini akumhluphi nakancinci noxa kujongelwe phantsi ngoba ubonile kwimizamo kadade wabo encedisa ngokuthenga ukutya kowabo ukuze ikati ingalali eziko kwaye ancedise nasezifundweni zakhe.

Uthi ucebisa ukuba abantu abatsha bayeke ukuba neentloni ngemisebenzi ethile kuba ijongelwa phantsi, koko benze oko banako ngoba kukho umcelimngeni wentswelangqesho.

Ugqibezele ngelithi umcelimngeni ngowokungabi nandawo yokuthengisela isigxina kuba uMasipala umane ebasusa ngelithi bangcolisa idolophu.