Abayazi ukuba bubikwa phi ubuqhophololo

KUBONAKALA ngathi kusekuncinane okwenziwa ngurhulumente ekuxhobiseni abasebenzi malunga neendlela abanokuzilandela okanye bazibike izehlo zobuqhetseba nobuqhophololo xa bezibona zisenzeka.

Kubasebenzi bakarhulumente abathethe nephephandaba I’solezwe, akekho nomnye oyaziyo ukuba angabika phi na xa ebona isenzo sobuqhetseba nobuqhophololo.

Oku kwenzeka nangona nje intloko yooKhetshe (Hawks) uLieutenant-General Berning Ntlemeza exelele amalungu asePalamente ukuba amagosa karhulumente waseMpuma Koloni angamashumi asixhenxe anesithandathu (76) aphandwa ngezehlo zobuqhophololo obuxabisa imali engange-R143 yezigidi zeerandi (R143m).

Le ngxelo ibithiwe thaca ePalamente ngomhla weshumi elinesine kwinyanga ephelileyo.

Osebenza njengotitshala kweli phondo, uthi akayazi ukuba zibikwa phi izehlo zobuqhophololo. “Andiwazi owona mnyango wokubika ubuqhophololo ngaphandle kokuhlebela oonondaba okanye amalungu esigqeba solawulo sesikolo (SGB). Kodwa inkxalabo yeyokuba, ayinakuyifihla lo nto iSGB?” kubuza le titshala.

Osebenza njengonontlalontle uthi naye akawazi owona mnyango wokubika ubuqhophololo. “Andazi ukuba zibikwa phi izehlo zobuqhophololo kuba akekho umntu owakhe wasicacisela ngoko.”

Igosa lakwamasipala kweli phondo, nalo lithi alazi ukuba zibikwa njani izehlo zobuqhophololo. “Kudala zisenzeka ndizibona qha andiyazi eyona ndlela yokuzibika,” litshilo eligosa.

Osebenza kwisebe lezempilo uthe: “Andiyazi ukuba ndingazibika njani kuba nalomapolisa ngala avele aphinde axele ukuba ebeve ngabani.”

Ngokwengxelo efunyenwe liphephandaba I’solezwe kumasebe amane aseMpuma Koloni, zimalunga namashumi amathathu anesihlanu izehlo zobuqhophololo nobuqhetseba ezithe zabikwa kule minyaka mibini idlulileyo.

Isithethi sesebe lemisebenzi yoluntu nezendlela uMphumzi Zuzile uthi zibalelwa kumashumi amabini anesithandathu izehlo zobuqhophololo ezithe zabikwa ngokumayelana neli sebe kule minyaka mibini idlulileyo.

“Isebe lisebenzisa inombolo yokuchasana nobuqhophololo kazwelonke (National Anti-Corruption Hotline 0800 701 701) ukubika izehlo zobuqhophololo. Sikwanawo nomgaqo-nkqubo wokukhuthaza ukuba abasebenzi babike izehlo zobuqhopholo bengenaloyiko lokuba bazakuchazwa,” kutsho uZuzile.

Isithethi kwisebe lohlaliso loluntu uLwandile Sicwetsha uthi kwisebe labo zisixhenxe izehlo zobuqhopholo ezithe zabikwa kwinombolo engu-0800 701 701.

UMamnkeli Ngam osisithethi sesebe lentsebenziswano kurhulumento uthi zibini kuphela izehlo zobuqhophololo ezithe zabikwa ngokumayelana neli sebe kule minyaka mibini idlulileyo.

Isithethi kwisebe lezemidlalo, ulonwabo, ubugcisa nenkcubeko uAndile Nduna uthi icandelo labo lowulo-mingcipheko (Risk Management Unit) lilo elijongene nezehlo zobuqhetseba nobuqhophololo.

Isithethi kurhulumente wephondo uSizwe Kupelo uthi inombolo kaMongameli Jacob Zuma ethi 17737 ingasetyenziswa ukubika izehlo zobuqhophololo nobuqhetseba.

Amasebe aseMpuma Koloni – elezempilo, elezemfundo, elophuhliso loluntu, elezothutho, elophuhliso lamaphandle nelophuhliso lezoqoqosho – akavumanga ukuphefumla ngeenkqubo zawo ezimayelana nokujongana nomba wobuqhophololo nobuqhetseba.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za