Abayiboni ebuyela esikolweni abantwana!

Kazi kwathini na le nto abantwana banamhlanje bazizifede kangaka? Abantwana bethu bafuna ukufakwa uluthi ngasemva kwinto yonke.

Into abaziyela bengathunywanga kuyo ying’adulathwishi nemikhuba yonke yokungabi nasimilo nezinto ezingazimasekileyo, hayi ke akungeke ubashiye kwezo.

Xa ndithatha ikhefu emsebenzini kufuneka ndilingqamanise neeholide zabantwana besikolo ukuze ndiqhubane nezi zifede zabantwana bam. Kukuthini ukuba inkwenkwe nentombi esele ikhahlele yagqiba ifune ukukhatshwa ndim ukuya kuvula izikolo?

Umntwana wanamhlanje nokuba isikolo ikwaseso ebekuso kunyaka ophelileyo, xa zivulwa kufuneka wena mzali umelwe bubomi, kubandakanya nokungayi emsebenzini omondla ngawo, uhambele iinto zesikolo!

Kwiintsuku zokuvulwa kwezikolo wofika sihlekwa ngaba bantwana basebenza ezivenkileni siphethe iziphetshana ezineento zesikolo ezifuna ukuthengwa, sithenga izinto esingakwaziyo nokuzibiza esingazanga sazisebenzisa thina.

Maxa wambi ke sithenga izinto ezingezizo, ze kufuneke ukuba maziphindiswe kwasithi ezivenkileni ebezithengwe kuzo! Andazi yintoni enzima emntwaneni osele ekumabanga aphakamileyo ukucela imali aye kuzithengela ngokwakhe iinto zesikolo.

Kumaphepha okugquma incwadi kukho nanxitywayo ahonjisiweyo kule mihla, neeplastiki ezikwanjalo. Wena ke mzali suka uze nala mqulu wephepha elimdaka elisikwayo uwaziyo, uza kuphindiswa kwanguwe lowo ke kuba kuza kuthiwa uthenge into engeyiyo. Suka maan!

Kukuthini ukube ndiphindisa evenkileni ngathi ndilitshivela lomntwana ofika sele eyilibele into ayithunyiweyo! Aba badala ndibabuyisela ezilalini kunyaka ozayo, ndiza kushiyeka nalo uselula apha eMonti.

Andinakuyimela eyokuthunywa nokumane ndijikisa iinto zesikolo mna. Phaya ezilalini zifunyanwa esikolweni iincwadi, ayikho le nto yalapha ezidolophini yodederhu lwezinto zesikolo ezihanjelwa ezivenkileni.

Zimbalwa izinto ezifuna ukuthengwa ngumzali kwezasezilalini izikolo, nangoku le nkwenkwe iphaya ayikandibizi nto oko zivuliwe izikolo.

Izibhanxa ezindithe tshuphu ngobucukubhede beento zesikolo sesi sifede sentombi nomnakwaso ndihlala nazo apha. Ndidiniwe ke ngoku, mabagoduke ndishiyeke mna ndiphangela! Ugxa wam undixelele ukuba ubeyobhalisela intombi yakhe izifundo zeeOnazi eyunivesithi.

Ndibuza kuye, “iiOnazi?” Eso kaloku isidanga sesomntu osele enamajengxeba eyunivesithi. Kukuthini ke ngoku ukuba ujixa wentombi engako afune ukuya kuncediswa ukubhalisela isidanga esiphezulu kangako?

Uxakwe yintoni kumele ukuba sele eyazi nomthungo nje inkqubo yaseyunivesithi? Ndithe hayi ke noko sele isisigezo eso, nogxa wam uyagezisa ukuba uphelele apho.

Bendifane ndisitsho nje ke phofu, mna lo kunyaka ophelileyo bendixoxela inkwenkwe eUCT, ndiyicengela ukuba iphinde yamkelwe emva kobubhanxa obebuyigxothisa. Ezi zifede sizithumela esikolweni zifike zibone nto yimbi.

Ithi yakuvuthwa ke leyo nto izothiwa nyhaa ukuba idalancwe sithi. Hayi izifede zabantwana esibazeleyo! Izifundiswa ke zithi akho bufede ngandawo, luxanduva lomzali ukuhamba emva komntwana.

Mna wengubo ke andinakube ndilandelana nabantwana bebadala! Imfundo yanamhlanje ixakekisa kakhulu ebazalini, ayipheleli phaya esikolweni, kubuywa nayo ngabaniniyo nootitshala izo kuthiwa nyhaa kuthi apha.

Sithi sibathumela esikolweni nje abantwana kufunwe kwathina abo ngootishala, kufuneke ukuba nathi masibalandele siye esikolweni. Kutheni?

Ndifane ndayincoma nje nale isezilalini inkwenkwe; kunyanzeleke ndicele ubawo uDlamini ukuba amane ukuyisa esikolweni ngethuba ibingekakhutshwa inqwelo yokubathutha nanjengoko isinala esi simgama.

Besiwuhamba ngeenyawo nje thina lowo mgama, siye sibuye, sifikele kwimisebenzi yasekhaya efuna ukwenziwa kwasithi. Yona ke le nkwenkwe ithe ingafa kukwenjenjalo. Goba msenge iibhokhwe zikutye! Owenu kwisiXhosa, Nxuba.