Abayisebenzis’ idyasi, izifo zixhaphakile!

INYANGA yoMdumba, yinyanga yeZifo zoloSuleleko lwezeSondo okanye iNyanga yeKhondom.

Kule nyanga kukhuthazwa amabhinqa namadoda ukuba azihlole kwaye ayigade impilo yawo yangasese.

Oku kuza emva kokuba iSebe lezeMpilo kwiSixeko saseKapa libhengeze ukuba lehlile iqondo lokusetyenziswa kwekhondom, nokuthe oku kwenyusa inani lwezifo zolosuleleko ngokwezesondo.

Le ngxelo idiza ukuba ukusetyenziswa kwekhondom yamadoda kwehle ngento ephantse ibe sisiqingatha, ngelixa ukusetyenziswa kwekhondom yababhinqileyo kwehle ngento ekwisithathu somyinge xa kuthelekiswa nonyaka ophelileyo. Oku kubonise ukwehla iminyaka emibini ilandelelana.

“Ukuncipha kokusetyenziswa kwezikhuseli kuyaxhalabisa, ingakumbi xa kusonyusa ulosuleleko lweeSTI. Nanjengoko uFebruwari eyinyanga yothando, ndifuna ukucel’ umngeni amadoda nabasetyhini ukuba baqale ukuzithanda kwaye bayithathele ingqalelo impilo yabo yangasese, ” kutsho iLungu leKomiti kaSodolophu kwiiNkonzo zoLuntu nezeMpilo eSixekweni, uCouncillor Patricia van der Ross.

Ukusetyenziswa kwekhondom yamadoda kwehle ukusuka kwi30, 6 yezigidi kunyakamali ka2019/2020 ukuya kwi16 085 200 kunyakamali ka2020/2021.

Ukongeza, ukusetyenziswa kwekhondom yababhinqileyo kwehle ukusuka kuma954 599 ukuya kuma34 203 kwaba nyakamali, nekunokubangelwa ngabantu abahleli ekhaya ngenxa yemiqathango yezempilo nokunqaba ekliniki ngexesha leeholide zasehlotyeni.

“Akufanelanga iiSTI zibe yingxaki enkulu nanjengokuba ulosuleleko lunyangeka. Ukuthandabuza ukuya kufuna unyango ngenxa yokoyika ukubekwa ibala sesinye sezizathu ezininzi ezibangela ukuba abaninzi balinde de kube semva kwexesha. Iziphumo zokungalufuni unyango zinokuba buhlungu kwaye zibeke ubomi esichengeni.

“Ungayifumana iSTI nokuba ulele kanye nomntu owosulelekileyo. Ingamchaphazela umntwana ongekazalwa iSTI enganyangwanga, ikhubaze ingqondo okanye idale umonakalo entliziyweni nasezintsweni, ivale inzalo okanye yenze umhlaza kumalungu angasese,” kutsho uVan der Ross.

Abantu bayabongozwa ukuba baye kumaziko ezempilo ukuze bafumane unyango neenkonzo felefele.