Abazali bakhala ngesiLungu esiquzileyo kweyaseNyobeni

Abazali babantwana abathi babhubha kwindawo yentselo iEnyobeni eScenery Park, kwinyanga ephelileyo, bathi abakufunayo yinkcaza epheleleyo malunga nokuthe kwabulala iintsana zabo ngala ntseni, hayi ukumane bebizwa bexelelwa ngolwazi olungaphelelanga kuba oku kuyabachukumisa.

Abazali bakwakhalela nokusetyenziswa kwamagama amakhulu esilungu abathi abawazi athetha ukuthini. Bathi xa kunokusetyenziswa nesiXhosa mhlawumbi bangawazi nonobangela, ngoku baphume bedidekile kwindibano.

Oku kuza emva kwendibano yangoLwesibini kule veki, apho abazali bebebizelwe eCambridge, bebizwa ngurhulumente eyokubanika ingxelo yonobangela wokubhubha kwabantwana babo, natshiloyo urhulumente ukuba yingxelo engekapheleli nanjengoko kusaqhutyekekwa novavanyo kwilabhoratri eseKapa eNtshona Koloni.

Kwindibano bekukho uMphathiswa wamaPolisa kuZwelonke uBheki Cele, iNkulubaphathiswa yeli Phondo uOscar Mabuyane kwakunye noGqirha Litha Matiwane obesiza nengxelo.

UJosepha Xolile Malangeni nongumzali kaEsinako obesenza uGrade 12 eSakhikamva eGqobhasi eMonti, uthi bebelindele ukunikwa iziphumo ezipheleleyo.

Uthi yena akanakuphinda aye xa ebizwa kuba kudlalwa ngabo kwaye uthi sele ipolitikwa le nyewe ngoku. UMalangeni uthi ababonelelwa kuba kusetyenziswa namagama aquzileyo esilungu abangawaziyo nokuba athini. Uthi ukuba kungasetyenziswa ulwimi lwesiXhosa kwezi ndibano mhlawumbi nonobangela bangatsho bawuve.

“Andiphangelanga kuba kuvele kwakubi nakunkosikazi sasuke sachukumiseka endlini kwangathi ngula mhla wokufika komphanga. Kudlalwa ngathi ngoku kangangokuba andiphindi ndiye xa sibizwa ngurhulumente nokuba sele kusithiwa zikhona iziphumo kuba ndivele ndachukumiseka kuba bendinethemba lokubuya ndisazi ukuba babulewe yintoni abantwana bethu,” utshilo uMalangeni.

Uthi intombi yakhe ibinqwenela ukubaligqwetha kwaye ibisele izifakile nezicelo kwiiyunivesithi. Uthi umnqweno kukuba ade aphumle ngoxolo nabo bafumane ukuphola.

UNtombizonke Mgangala nongudadobawo kaSinothando, uphume phandle engakwazi ukuzibamba esoyisakala ngethuba lale ndibano. Uthi naye le ndibano imchukumisile njengoko esithi ebecinga ngoku babizwayo bayokunikwa ingxelo epheleleyo malunga nokubhubha kwabantwana babo.

UGqirha Litha Matiwane uthi kwezi zintathu zisafumaneke kwimizimba yabantwana, ayikabinguye ncam unobangela wokubhubha kwabantwana. Uphando kwanovavanyo lusaqhuba.

INkulubaphathiswa uMabuyane uthi ukunyathelana kwanokucinezelana kwabantwana kwasuswa kudala kuphando kuba yayingeyonto eyabulala abantwana.

UMphathiswa uCele uthi amapolisa nawo asaqhubekeka nophando. Umnikazi wendawo iEnyobeni ubanjiwe kwaye uza kuvela kwinyanga ezayo enkundleni.