Abazali baqumbele ikholeji yaseKSD

Iqoqo elimele abazali kwiziko loqeqesho iKing Sabata Dalindyebo (KSD) FET College eMthatha liphumele elubala ngonobangela wokuba sezingxakini kweli ziko ukususela kwiminyaka emibini edlulileyo.

Eli ziko lisezingxakini zokungabikho kolawulo oluzinzileyo noluchaphazela, kwaye lixhaswa ngezigidi zeerandi ngurhulumente, kodwa le mali akucaci iphelela phi, ngokokutsho kwabazali.

Ugwayimbo asinto inqabileyo kweli ziko elinamaziko amane aquka iMapuzi eMqanduli, iNtabozuko eXhora, Mngazi eSajonisi namabini eMthatha.

Ingxelo zithi kunyaka ophelileyo kwasungulwa ikomiti eyenziwa ngabazali, amalungu ebhunga nabasemagunyeni ngeenjongo zokuphanda onozala bezi ngxaki. Sithetha nje abanye abafundi kwiziko iNtabozuko eXhora abakazifumani iziphumo zonyaka ophelileyo emveni kokungabuyi kwazo ePitoli kwinto echazwa njengokufeda kwesikolo ukungenisa amanqaku abo.

UViwe Kapa omele abazali kule komiti yophando uxelele eli phepha ndaba Isolezwe lesixhosa ngabanye onozala bokuzika kweKSD.

“Ngokophando lwethu sifumene ukuba alukho ulawulo kweli ziko, abafundi abanandawo zakuhlala esikolweni, abanazi- titshala, bafunwa imali engekhoyo de abanye bagxothwe, ootitshala, abahlohli benza unothanda nto leyo idala iqela labafundi liyeke phakathi.

“Enye egunyileyo esikolweni edala kungabikho lawulo sisincwaso sootitshala kubafundi,” utsho uKapa.

Lo mzali uthi abonwabanga yindlela ekuqhutywa ngayo eli ziko, kuba le meko idala abafundi abangathathi ntweni babengamaxhoba okuyeka isikolo kungenjalo babengamaxhoba olwaphulo mthetho kwilali yakwaDosi.

Umfundi uAndiswa Tyhali olixhoba lokunganikwa ndawo yokuhlala kuba ehlwempuzekile engenayo iR600 ngenyanga uthe: “Andizange ndiyinikwe indawo yokuhlala kuba ndingenamali nangona ndipasa. Njengomntu othanda imfundo, xa ndandifuna indawo yokuhlala esikolweni intloko yeli ziko

USibongiseni Mgetyane wandixelela ukuba mandize nemali okanye ndithathe le mali yesibonelelo somntwana omnye esiphila ngayo ndiyobhatala irenti ngaphandle, yandikhathaza lo nto kakhulu kuba ndihamba umgama oyi20 yekilomitha ngosuku ndisiya esikolweni”

Isithethi saseKSD FET College uZigqibo Khahla uyaziphika ezinye izikhalazo zabazali nabafundi. UKhahla uthe: “Azinabunyani iingxelo zokuba abekho ootitshala apha esikolweni, bakhona abafundi bayazinikwa iziphumo zabo zonyaka ophelileyo.”

Umntu ofumana indawo yokuhlala ngaphakathi ngumntu onemali, kwaye osuka kude. UKhahla uyavuma ukuba eli ziko liyafeda ukukhusela abafundi bagqibele bengamaxhoba odlwemgulo nolwaphulo mthetho kwilali yakwaDosi.

Kulindeleke abazali babambe intlanganiso ngomhla we12 Juni ukukhangela umkhomba ndlela ngezi ngxaki zokuzika kweli ziko.