Sele kudlule unyaka emva kwentlekele yaseNyobeni, eyashiya abazali babantwana abasweleka benenxeba elisisigxina kwakunye nesikhumbuzo seengxaki zoluntu: ukusela utywala kwabantwana abaselula. Ukuthintela ukusela utywala kwabaselula nokusingatha amatheko okuhlamba iphepha, iBhodi yoTywala yaseMpuma Koloni (ECLB) iqhuba iphulo layo le-Anti Pens Down.
I-ECLB kudala ikhokele le nzame kuba ukusela kwabangaphantsi kweminyaka yingxaki enkulu eMzantsi Afrika. Kutshanje, iECLB ityelele eNdevana ngeenzame zokunqanda ulutsha ekuseleni utywala ngexesha leeholide zasebusika.
Umasipala waseBuffalo City (BCM) uvakalise ukuphoxeka kwabo “ngesimo sengqondo sabanye abazali nanjengoko besilela ukulawula abantwana babo abasela utywala ngokugqithisileyo egameni leemviwo zesikolo.”
Kwingxelo, umasipala uthi ubalumkise kaninzi abazali ukuba balumke, bababeke esweni abantwana babo, bangabavumeli baye kumatheko okusela azenza ngathi zizinto ezinxulumene nesikolo.
Njengoko amakhulu abantu abatsha (abamalunga nama-700) betyelele kwindawo engaselunxwemeni ngoMgqibelo, iMetro Law Enforcement, iServices Traffic, iFire & Disaster Management, kunye neeNkonzo zamaPolisa aseMzantsi Afrika bezixakekile.
Iingxelo zithi, iBCM kunye namagosa ezendlela ephondweni avale indlela kwindawo yonke engaselwandle eFleet Street, Esplanade, naseBowls Road apho abambe abaqhubi abanxilileyo abalishumi elinesihlanu (15).
Amatheko okuhlamba kwephepha kunxweme lwaseMonti, eAmalinda naseDimbaza lunyanzele ukuba iqela lezokhuseleko lithathe amanyathelo.
“Abantwana abali-15 baye bakhatshwa xa begoduka njengenxalenye yokuthintela abantu abalahlekayo, yaye omnye umzali wancedwa ukuba akhangele aze ahlangule umntwana wakhe kwindawo engaselwandle.
“Abantwana abahlanu basiwe esibhedlele ngenxa yeziganeko ezinxulumene nokusela kakhulu. Utywala obufana nevodka, ibranti neecider buyebachithwa kwakhutshwa nezilumkiso kwabo bophula umthetho ukuba baphume,” sitshilo isithethi salo masipala uSamkelo Ngwenya.
Iqela lezokhuseleko kunye ne-ECLB ziqhube iphulo lentsebenziswano ngokuchasene namatheko okuhlamba kwephepha ngoLwesihlanu ebusuku, betyelela eMonty’s iklabhu yasebusuku, kunye neethaveni eNompumelelo, e-Abbotsford, naseDucats.
“Emva kwentlekele yaseNyobeni kunyaka ophelileyo, kubalulekile ukuba abazali bathathe uxanduva ngezenzo zabantwana babo nalapho behamba khona kwaye benze ube ngumsebenzi wabo ukujonga iintshukumo zabantwana babo. Ungenelelo lukarhulumente alunakukuphela kwesisombululo kule ngxaki,” utshilo uNgwenya.
Kunxibelelwano lwakutsha nje, isithethi seECLB uPumlani Fani ucebise abazali ukuba babeke iliso labo kwiintshukumo zabantwana babo kwaye balumke kakhulu ngeli xesha.
“Siphinda sithumele isilumkiso kubo bonke abarhwebi botywala ukuba bangasingathi la matheko okuhlamba kwephepha kumaziko abo njengoko oku kukwaphulwa kwemiqathango yokurhweba kwabo kwaye kukwaphula umthetho. Sincoma abafundi nabanye abahlali abathe gqolo ukuwaxela la matyala kwi-ECLB nakwamapolisa,” utshilo uFani.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike