Abazali bayasokola ukufumana iimali zesondlo

Badele loo ngqele ibitswikila yangoMvulo abazali babantwana abafumana imali yesondlo (maintenance) ngethuba bengungelene phambi kwenkundla yamatyala eZwelitsha kude kufuphi naseQonce, befuna iimpendulo kumagosa ajongene neofisi yemali yesondlo.

Aba bazali bathi le nyanga kaJuni sele iyinyanga yesine ingasangeni imali kwiiakhawunti zabantwana nangona nje kootata babantwana itsalwa imali ziinkampani zabo rhoqo ngenyanga.

Aba bazali, nabangapha kwamashumi amane bebonke, bathi behliswa besonyuswa yile nkundla bexelelwa ukuba ubuxhakaxhaka abusebenzi okanye kuthwe mabalinde. Omnye oncokolele I’solezwe eseQonce norholela intwazana yakhe eneshumi elinesibini ubudala, uthi uyaphangela kodwa imali yomntwana ebisoloko ingena qho ngenyanga ibiwenza umohluko kwiimpilo zabo, imncedisa njengoko inguye yedwa ophangelayo.

“Sijongelwa phantsi ngamagosa aseZwelitsha namhlanje asixelela le, ngomso xa siphinda sisiya alibale ukuba ebetheni kuthi izolo. Abathethi bunyani ukuba kutheni imali singasayifumani, babe bona ootata babantwana besithi itsaliwe kubo. NgoMvulo sigodole eZwelitsha imini yonke, emana ukutsheluza ngakuthi amagosa esithi imali ayikho masihambe,” udize oku omnye wabazali.

Ngokukhuselwa kwabantwana, omnye wabazali oseGonubie eMonti, uthi yena imali uyifumana xa kuphela inyanga kodwa akusenzeki kanjalo.

Uthi ekupheleni kukaTshazimpuzi waya enkundleni eMonti eyokuqonda, uthi wafika kugcwele nabanye abazali beyele ingxaki enjengale yakhe.

Uthi wayinikwa ngesandla into engaqhelekanga nengazange yenzeka ngaphambili. Aba bazali bacela uncedo nakumagqwetha anokunceda bafumane ezi mali zeentsana zabo.