Abe-LGBT baxelele uSir Elton John ngempatho yamanesi

UMphathiswa weZempilo, uAaron Motsoaledi , udibene nemvumi yePop yasemaNgesini, uSir Elton John, ngenkxaso umbutho wakhe ayinikezela kwabo bathandana besini-sinye (LGBT).

USir Elton John, utyelele iGateway Clinic engaphakathi kwisibhedlele iPrince Mshiyeni Memorial Hospital ngemva kwemini yangoLwesithathu.

Kaloku iElton John AIDS Foundation (EJAF) ibe negalelo elikhulu kule kliniki, iqeqesha oonesi bayo ukuba bazisabele njani izidingo zabo bathandana besini-sinye kananjalo nangokuphisa ngezixhobo zokusebenza.

Kolu tyelelo lwethutyana, uSir Elton udibene nabanye babo bathandana besini-sinye, nabavakalise izikhalazo ngendlela abaphathwa ngayo ngoonompilo xa beyokufuna uncedo lwezonyango ekliniki. U-Elton John ubaqinisekisile ukuba izinto zizakuhamba zitshintshe, ebacacisela ukuba naye wajamelana nobunzima ngeminyaka yoo-1960 eLondon, kwaye uwazi kakuhle umkhethe ofunyanwa leli qela.

Ubancomile abo bathandana besini-sinye ngobugorha babo bokuphumela elubala ngendlela abayiyo, esithi bangabo bantu bangabo kwaye ukuzimela nokuzenza omnye umntu akuzokunceda.

UMphathiswa uMotsoaledi uxelele uSir Elton ukuba, oku kujamelene namalungu we-LGBT (abo bathandana besini-sinye) kufana nqwa nobunzima amantombazana aselula afuna ukucwangcisa abufumanayo ezikliniki.

Ucacise wathi ngoku oonompilo baqeqeshelwa ukuziphatha ngobunono izidingo zabantu abohlukeneyo.