AbeANC bakwaye utyhilo lwamatye amatshantliziyo ayo

Usodolophu Athol Trollip, usekela sodolophu uMongameli Bobani, negqala le ANC uMike Xego umfanekiso: Mpumelelo Matwa

Uqhutywe ngempumelelo umsitho wokuvulwa kwendawo yesikhumbuzo samaqhawe edabi lomzabalazo wenkululeko nobubanjelwe kumangcwaba elokishi yaseZwide ngoLwesibini.

Lo msitho ububanjwe ngeenjongo zokutyhilwa kwamatye esikhumbuzo; kutyhilwe ilitye lesikhumbuzo likaSizwe Kondile kunye nodonga olukrolwe amagama kwanembali yentlaninge yamaqabane ombutho weANC. Lo magama aquka ooRaymond Mhlaba, Govan Mbeki, Samson Kana noSiphiwo Mthimkhulu.

Usodolophu omtsha wesisixeko saseNelson Mandela Bay, uAthol Trollip ebesisithethi sembeko ekhatshwa lisekela lakhe elinguMongameli Bobani, ooceba bombutho beEconomic Freedom Fighters namagqala omzabalazo abandakanya ooMkhuseli Jack, Mzolisi Dyasi, Mike Xhego nooMoki Cekisani.

Ethetha kulo msitho, usodolophu uAthol Trollip ubhengeze esithi le ndawo iyakwaziwa ngokuba yi “Heroes Acre” – ekhuthaza abahlali ukuba bayiphathe kakuhle ngokuyicoca.

Uthe kule ndawo kulele amadoda namantokazi ancama ubomi babo. Uthe ukugcinakala kwale ndawo kuyakubonakalisa ukuba abantu abalele apha bayahlonitshwa kwaye abalityelwanga.

“Amatye amaqhawe abizwa ngokuba yiCradock 4 kwanelo lamaqhawe aseTinarha kwaLanga (eKapa) alihlazo ngenxa yokunganakekelwa! Lo nto isenza sibe neentloni” utshilo uTrollip.

“Besincwase ukuba lo msitho ubanjwe ngosuku luka wonke-wonke lokuhlonipha nokukhumbula amafa esizwe kodwa asikwazanga ngenxa yabantu ababengaxolanga nathi, sayeka kuba singafuni kuxoxa uchuku.”

Iinkokeli zeANC azikhange ziwuzimase lo msitho ngelithi akukhange kubekho xesha laneleyo lokuthethisana.

“Lo mcimbi ngumcimbi wesizwe ukwabandakanya neenkokeli ezifana nooGovan Mbeki nooMhlaba, kufuneka kubekho unxulumano neentsapho zabo, umbutho ngokweziseko zesizwe namagqala ombutho!” utshilo uBicks Ndoni oyinkokeli yeANC eBhayi.