Inkundla yaseKomani igwebe amadoda asixhenxe nangabemi bangaphandle ngoLwesibini umhla wesixhenxe (7) kweyeNkanga ka2023, ngomonakalo kwiziseko ezingundoqo nezibalulekileyo, ubusela kunye nokwaphulwa komthetho wokufudukela kwelinye ilizwe, i-Immigration Act ngolwasemzini.
La madoda aquka uBorca Nergio (34), Casper Una (42), Ernest Mulima (25), Donald Msindisi (34), Nandos Khoza (26), Zakeya Maguana (37), kunye noDonald Ubise (26).
NgoMvulo, umhla wesibini kuCanzibe ngonyaka ka2022 malunga nentsimbi ye-20:55, imoto emhlophe yohlobo lweToyota Fortuner enenombolombhalo waseRhawutini (GP) yayithutha iintambo zekopolo ezibiweyo nezixabisa ngaphezulu kweR700 000, itsho ingxelo yesithethi sooKhetshe eMpuma Koloni, uCaptain Yolisa Mgolodela.
Ingxelo iqhuba ithi, le moto yayinabantu abasibhozo kuquka nomqhubi. Imoto yabonwa kwisitalato iCathcart ngamalungu eK9, baze babanjelwa ukuba nempahla eyayirhanelwa ngela xesha. Bonke aba abarhanelwa yayingabemi bamazwe angaphandle abasuka eRhawutini.
Abatyholwa abasixhenxe bagcinwe eluvalelweni ukusukela oko babanjwa ngelixa owesibhozo, uRaul Emanuel Auchele (50) wakhululwa ngebheyile.
Bavele izihlandlo ezininzi enkundleni de kwaba ngumhla abagwetywa ngawo, umhla wesixhenxe (7) kule nyanga. Abatyholwa abasixhenxe bafumene ezi zigwebo zilandelayo nganye:
Ityala 1 – Ukonakala kweziseko ezingundoqo = iminyaka esixhenxe (7) entolongweni.
Ityala 2 – Ubusela = iminyaka elishumi elinesihlanu (15) entolongweni.
Ityala 3 – Ukwaphulwa komthetho wokufudukela kwelinye ilizwe = iminyaka emithathu (3) entolongweni.
Umtyholwa ngamnye ngokwesigwebo kulindeleke ukuba achithe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) evalelwe, kodwa ngenxa yokuba ityala lokuqala nelesithathu liqhuba ngaxeshanye, umntu ngamnye uya kuchitha iminyaka elishumi elinesihlanu (15) eluvalelweni.
Ityala lika-Auchele lisesenkundleni njengoko ehlala esilela ukuvela enkundleni ngenxa yokungaphili.
INtloko yooKhetshe kwiPhondo uMboiki Obed Ngwenya uvakalise uchulumanco lwakhe ngesi sigwebo nanjengoko umonakalo weziseko ezingundoqo uchaphazela uqoqosho lwelizwe.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!