Icandelo leeNkonzo zeMpilo kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu (WSU) kunye neTshaplenisi yaseOR Tambo bahlanganise abafundi kwiholo leyo yeYunivesithi bebaxelela ukuba asingabo (abafundi) isizathu sokuba bathi bazibone sebengamaxhoba okuxhatshazwa.
Kuye kwakhanyiswa amakhandlela amane aneenjongo ezine ezohlukeneyo ngelithi isikhanyiso sizisa unyango emphefumlweni nasengqondweni yomntu.
UGqirha Thandiwe Mangxa ophethe eli candelo uthe zininzi iindlela zokuhlukunyezwa koomama apha elizweni, ngoku kufuneka abantwana aba befumene unyango ngenjongo yokuzama ukuphucula ingomso labo lingabikho mfiliba.
Kukhanyiswe amakhandlela amane, onke enomfuziselo wawo othembisa ikamva elingcono.
“Ikhandlela eliluhlaza umfuziselo walo lithemba, ikhandlela elityheli lona libonakalisa ukuzithanda ungumntu, uthande isiqu sakho, elimhlophe lona libonakalise uxolo nobunye nokonwaba ize elibomvu libonakalise uthando lomntu,” utshilo uGqirha Mangxa ecacisa amakhandlela ebekhanyiswe kule ndibano.
Ethetha nabafundi kunye nabasebenzi, uMpostile Ntuthu, uthe iingxaki zeli lizwe ziqala emakhayeni esikhulela kuwo ngoba umntu uphuma kowabo sele egula kakade.
“Andifuni le nto siyigxininise entweni yokuba kugula ootata qha ngoba eyabo ayisafuni nokuthethwa icace gca ukuba iingqondo zabo ziyagula xa bebonke bona, kodwa masikhumbule nayo indoda ikhuliswa ngumfazi. Umntu ongumama kufuneka axelele unyana izinto ezilindeleke ukuba azenze emntwini wasetyhini, amxelele uxanduva lwakhe njengendoda,” utshilo uNtuthu.
Uthi ziyamangalisa izinto ezenzeka kweli lizwe ngokuba ayingomadoda odwa la enza izinto ezingamasikizi, kusaswele nje igama lokubabiza.
“Kukho ingxelo ezindabeni yokuba owasetyhini ubulele umntwana wakhe, kukho nomnye usisi obone umqulu welifa likanina emva koko wambulala. Lo nto ibonakalisa ukuba ilapha elizweni le nto.
Ukuba sizothi ngamadoda la agulayo sizonyanga wona odwa, siyiyeke into yokuba ilizwe eli lilonke ligula ngengqondo, siphele sesinyanga abathile. Indoda ayinokuzenza ezi zinto zinje, sisaswele igama lokubabiza,” wongezile uNtuthu.
Lo kaNtuthu uthi isimo seli lizwe sifuna kubuyelwe kundebendala nalapho ibiluxanduva lwekhaya ukuqoqa nokukhomba indlela umntwana azokutsho akhule eyazi into elindeleke kuye.
“Ukuba onke amakhaya angathatha uxanduva lokuxelelana ukuba yintoni elungileyo nengalunganga, wonke umntu angayazi into egwenxa ayenzayo hayi le nto yethu yokufathula nje kungekho kwamthetho onikwe kowenu,” uqhubile uNtuthu.
Uthi isigulo seli lizwe lethu sicaca kakhulu kule nto yokuba oomama beyeka ootata babulale abantwana ngenyanga enye.
“Oomama bayagula nabo ngamanye amaxesha ngoba umntu uthatha umntwana aye wamkhulisa iminyaka elishumi elinesibhozo emva koko ayomnika utata ukuba ayombulala esuthwini ogqiba bathi lo nto iyalelwe yibhayibhile bexoka. Ibhayibhile ithi unyana kaMoses woluswa ngumkakhe.
“Amadoda abanomthetho, ziphi iinkcubeko zamakhaya ezazigcinwa kumakhaya onke? Kufuneka kuthathwe bonke ootata baye kufundiswa ngobudoda ngoba sele benxila kangaka nje bayagula, abaqeqeshwanga,” utshilo uNtuthu.
Wongezile wathi uyalibona ilizwe libuxabisile utywala kakhulu.
“Umntu oxabise ukunxila uyagula ke qha, asikho isizathu sokuthatha imali yokugqibela uyoyinxila. Oko kukungabi nangqondo. Unganxila uligeza elinganyangwayo!,” wongezile uNtuthu.
– isibhalo@inl.co.za
Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United emdlalweni obuseMonti!