Abemi boMzantsi Afrika, batyebe ngokugqithisileyo!

UMzantsi Afrika ujamelene nomngeni wokutyeba ngokugqithisileyo, kwaye ngamanina asemngciphekweni ophezulu wokufunyanwa zizifo ezoyanyaniswa nokutyeba ngokugqithisileyo.

Abaphandi ePriceless (Priority Cost Effective Lessons for System Strengthening South Africa) SA, neliqoqo lophando elisingethwe yi-Wits University School of Public Health, balumkise ngelithi, izigulo ezoyamene nokutyeba ngokugqithisileyo kungoku nje zikhuphisana nesifo sentsholongwane kagawulayo nogawulayo buqu.

Ngokutsho kukaNjingalwazi uKaren Hofman ongumlawuli ePriceless, umyinge ka-13.8 weepesenti zamatyala okubhubha eMzantsi Afrika zibangelwa ziingxaki zikagawulayo, ngelixa umyinge ka-13.1 weepesenti wamatyala okufa ebangelwa zizifo ezifana nentliziyo kunye neswekile. “UMzantsi Afrika ngoyena uthwaxwa ngumngeni wokutyeba ngokugqithisileyo kumazwe akumazantsi we-Afrika,” utshilo uHofman.

Ngokutsho kovavanyo elingokutya nempilo kazwelonke kuMzantsi Afrika ngonyaka ka2012, malunga nomyinge ka-39 weepesenti zabasetyhini batyebile, naxa kuthelekiswa nomyinge ka-11 weepesenti ingabantu abangamadoda. UMphathiswa wezempilo kwiphondo lakwaZulu-Natal uSibongiseni Dhlomo uthe: “Ukutyeba kusisigrogriso kwimpilo.”

UDhlomo uthe eli lizwe lijamelene nobungozi nanjengoko kusenziwa iinzame zokulwa nentsholongwane kagawulayo kunye nesifo sephepha , ngelixa izifo ezingosuleliyo zizisigrogriso esitsha. “Kungoku nje kweli lizwe, amakhosikazi akumyinge ka-66 weepesenti namadoda aku-33 batyebe ngokugqithisileyo, kwaye abezonyango bajamelene nokwenyuka kwabantu abatsha abane-high blood pressure, izifo zentliziyo, zeswekile kwakunye neentlobo ezithile zomhlaza,” utshilo.

UMphathiswa wezobugcisa, inkcubeko, ezemidlalo kunye nolonwabo kwaZulu-Natal uNtombikayise Sibhidla-Saphetha uthe, urhulumente uxhalabile kukukhula kokutyeba ngokugqithisileyo kweli lizwe. “Uphando-sifundo olwenziwa yiYunivesithi yoMntla-Ntshona kwicandelo le-Biokinetics, Recreation and Sport Science, lwadiza ukuba malunga nababini kwabathathu abemi boMzantsi Afrika batyebile.

“Olu phando lukwabonise ukuba malunga nomyinge ka-70 weepesenti zamanina atyebe ngokugqithisileyo. Ikwabhentsise ukuba abantwana boMzantsi Afrika bahleli kwindawo yesithathu ngokutyeba kwihlabathi,” utshilo. Ukunciphisa indaba yokutyeba zezinye zeenjongo zeli sebe kuba ukutyeba kunegalelo elibi ekubekeni ichaphaza kwimpilo yeli lizwe, utshilo uSibhidla-Saphetha.

Ukunceda abahlali babesempilweni, eli sebe lizakutyala isixa esikwi R41.3 million kwiinkqubo ezimbini ezikhuthaza udlamko kwakunye nokuphila ngendlela esempilweni. “Kule minyaka mine idlulileyo, eli sebe labeka iindawo zokuzilolonga ezingama-44 koomasipala basekuhlaleni. Kunyaka ka2016/ 17, eli sebe lizakubeka iindawo ezilishumi elinanye zokuzilolonga ezingaphandle,” utshilo.