Abenkolo kaNtu bavuselele uluntu eZwelitsha

Amalungu emibutho emibini emele amasiko nezithethe Abaphembeleli Benkolo yakwaNtu nababephuma kwiindawo ezahlukeneyo kumasipala oMbaxa weBuffalo City, namalungu eTraditional Organization abebesuka kuMasipala oMbaxa waseBhayi owommandla waPhesheya kweNciba bahlangene ndawonye ngoMgqibelo kwiholo yoluntu iOliver Reginald Tambo eZwelitsha.

Usihlalo wabaPhembeleli Benkolo kaNtu neyasekwa ngonyaka ka2001 uMnu. Phakamisa Sakuba, ngethuba ebengcanjaziswa yintatheli yethu ezinze kwaZwelitsha kudliwanondlebe olulodwa, uphefumle ngelithi, umxholo wangalo mhla ubusithi: YINTONI INKOLO KANTU? Ungqinile esithi, ezona njongo zethu eziphambili ngalo mhla singamalungu emibutho yenkolo kaNtu kukugwadla ngemiba eliqela ngenjongo zokuxhobisa, ukufundisa uluntu ngokubanzi nokuvala lo nyaka ka2019.

Okwesibini kukuzama ukuvuselela isiNtu nokukhuthaza amasiko, izithethe nolwimi lwethu lwenkobe khonukuze isizwe esiNtsundu singabhuli sisela side sityeshele inkcubeko namasiko.

Ethetha ngokuzithemba, ukwadize neyokuba “sizama ukuvuselela abantu bakuthi kumasiko nezithethe, sinqwenela, sikwafuna bazicenge babuyele eMbo njengoko kuqhuba ubugewu kunye nokuxhatshazwa kwabantwana nabantu abadala.

“Kwenzeka izimanga ezimasikizi umhla nezolo kweli lizwe lookhokho nookhokokazi bethu sijongile kwaye mandulo izenzo ezikumila kunje zazinqabe okwezinyo lenkuku, sithetha nje umntu uyabulawa ngokungenalusini atyiwe kwelinye icala. Ukanti abanye basajamelene nezityholo zokudlwengula nokuxhaphaza emabandleni nasekuhlaleni.

Kolunye udliwanondlebe sithethe noMnu. Vuyisile Nkempele ongomnye wabaququzeleli abatshotshentla balo msitho. Xa ebephefuma uthe, “Namhlanje siyimibutho yenkolo kaNtu sibambe imvuselelo yokuvala lo nyaka ka2019 apha eZwelitsha sikwahlaziya nengxoxo besinazo apha phakathi enyakeni.

Sikwaphethele abantu umphako womxholo efana nolwaluko nolungahambi kakuhle kwezinye iindawo njengoko uninzi labakhwetha lubhubha ngaphakathi kweli phondo lethu leMpuma Koloni.

Ulikhuphe latsola eyigxininisa esithi, lo mba yintlungu yethu sonke kwaye usathe gqolo uqhubeka phambili umhla nezolo wokuhlukunyezwa kwabantwana namanina ngootata kwaye yenye yemiba esikhathazayo netshisa ibunzi.

Ethetha ngokuzithemba ushwankathele ngelithi: “Sizama ukuxhobisa neeNkosi zethu ngeenjongo zokulungisa ukuhlala kwiindawo esihlala kuzo ukuze kulunge intlalo nempilo nemizi ingabimadolwanzima ukulandela isiNtu somzi oNtsundu, kungabikho magingxigingxi wokubuyela eMbo njengoko izinto nentlalo yethu ingemntakaNgqika kwilizwe lethu lokuzalwa.

Ucaphule kwincwadi yomnye wababhali abebephumizandla ekubhaleni iincwadi ngolwimi lesiXhosa uSamuel Edward Krune Mqhayi.

Ukhuthaze isizwe esiNtsundu ngalo mhla esibongoza esithi, masibuyele kwaNtu sincede sibonakalise uthando, imbeko, ukuhloniphana nokuncedana, sithobelane ngomoya wobunye noxolo, imbeko, nesidima sohlukane nokubukulana kwindawo esisebenza nesihlala kuzo.