AbeWSU kwinyathelo lokuyila ichiza lokugonyela iCovid-19

IWalter Sisulu University (WSU) ikholelwa ukuba uxanduva eluthwalisiweyo lokuyila ichiza lokugonyela iCovid-19, lakudlala indima evisayo ekuqaqambiseni eli zikomfundo kuphandosifundo mayelana nophuhliso lwezempilo.

Eli zikomfundo lifumene iR3.5 million yokuyila eli chiza. Le mali isuka kwiqumrhu lezoqeqesho kushishino lwamachiza (Chemical Industries Education & Training Authority [CHIETA]).

Kule veki iWSU neCHIETA ityikitye isivumelwano sentsebenziswano ukuze kuqale umsebenzi wokujonga ulwamvila lwamachiza okugonyela iCovid-19 asele esebenza.

Esi sibonelelo semali sityalwe eWSU naseNorth West University apho injongo ikukwabelana ngezakhono nophando.

Njingalwazi Rushiela Nolundi Songca UMFANEKISO: UTHUNYELWE

INgqonyela yaseWSU, uNjingalwazi Rushiela Nolundi Songca, uthe: “Le ntsebenziswano inika thina kwakunye neenzululwazi zethu ithuba lokusebenzisana nezinye iinzululwazi, ebezingenokwazi ukwenza lo nto (ngaphandle kwesi sivumelwano).”

“Siyathemba ukuba ngenxa yeziko (fakhalthi) lethu leeNzululwazi kwezeMpilo kwakunye neekliniki zaseMpuma Koloni, (amalungu oluntu) aza kukwazi ukufikelela (kwimiba) yezonyango abe bengenokwazi ukufikelela kuyo,” kutsho uSongca.

Ingqonyela yakwaCHIETA, uYershen Pillay, uthi ukuyilwa kwechiza logonyo sisakhono esinqabileyo kwizwekazi leAfrika. “Ngaxeshanye, amachiza ogonyo enziwe apha ekuhlaleni asinika ithuba elihle lophucula indlela esilawula ngayo ubhubhane,” kutsho uPillay.

Esi sibonelelo semali sijolise ekuyileni izakhono ekuhlaleni kwaye oku kungakhokelela kuxonkxo lwasekuhlaleni, uxandiso, ukusasazwa kwemveliso nasekuthunyelweni kwayo.