Abezomthetho bagqogqe bafumana utywala, kwizithuthi kuN2

AMAGOSA ezomthetho, ephelekwa yiNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane, bagqogqe ze bathathela ngakubo utywala ababafumene kwizithuthi ebezimiswe kuhola wendlela uN2 eBrakfontein kufuphi naseMonti ngoLwesine.

Olu gqogqo lungqamana ngqo nesibhengezo sikaMongameli Cyril Ramaphosa kule veki sokuvala ukuthengiswa kotywala. Abuvalwanga nje, kukwabhengezwe ukuba akukho semthethweni ukuthutha ngemoto utywala ngeli xesha lokuvalwa kwabo.

Abasemthethweni wokuthutha utywala ngabamashishini okwenza iisanithayiza, amashishini otywala asemthethweni afuna ukuyobeka utywala babo kwindawo ekhuselekileyo kwanabo bathumela utywala kwamanye amazwe ngeenjongo zoshishino.

UMabuyane ubhale kuFacebook wakhe kule veki ecela uluntu ukuba luzigade kulo bhubhane obangelwa yiCovid-19. “Yonke le nto yenzelwe ukusindisa isizwe sakowethu, ukusindisa ubomi kuba singurhulumente okhathalayo. Unendima ofanele ukuyidlala, ngoko ke dlala lo ndima ukusindisa ubomi babaninzi,” utshilo uMabuyane.