Abhaqiwe amasela ombane angamakhulu amane amawaka

Amasela ombane angamakhulu amane amawaka (400 000) abhaqiwe. Umfanekiso: Buy Power

Ingxelo kaEskom ithi sele befumene abantu abakumakhulu amane amawaka (400 000) abasebenzisa umbane bengawubhatali kwilizwe loMzantsi Afrika ukusukela oko beqale ukubhaliswa ngokutsha kwabantu.

Eli qumrhu lididiyela umbane kweli loMzantsi Afrika likwiphulo lokuvuselela ubunganga balo bokuhambisa umbane ngaphandle kwengxaki kubantu boMzantsi Afrika.

Phakathi kweengxaki ezininzi ezibangele ukuba abantu bahlale ebumnyameni, ingxaki yokubiwa kombane ngomnye woonobangela. Osisithethi sakwaEskom, uDaphne Mokwena uthi inkqubo yabo yokulwa iingxaki zakwaEskom izala amaduna namathokazi.

“Liyehla ngokukhawuleza inani labantu abangawuthengiyo umbane, ngenxa yoku siza kubona inguqu enkulu kwindlela uEskom ahambisa ngayo umbane kungekudala,” kutsho uMokwena.

Ingxaki ezibangelwa yintswela ngqesho nezinye izinto ezibangela ukuba abantu batswebe umbane, oko kukuthi, basebenzise umbane bengawuhlawulanga.

Ngaphambili uEskom wawubeke umhla wamashumi amabini anesine njengosuku lokugqibela kwabo kusafuneka babhalise iibhokisi zabo zombane.

Ngenxa yesikhalo soluntu, uEskom ulandisile ixesha lokubhaliswa kwakhona kwezi bhokisi ngelizama ukukhawulelana neengxaki zoluntu.

Eqinisekisa umsebenzi oqhubekayo wokuguqula indlela osetyenziswa ngayo umbane kweli, uMphathiswa weSebe lezoMbane, uGqirha Kgosientsho Ramokgopa, uthi abantu abafunyenwe besebenzisa umbane ngokungekho mthethweni bakuthethwano ne-Eskom.

“Sele beze ngaphambili ukuza kucela ukuxolelwa nguEskom, ngoko ke singaqinisekisa ukuba uthethwano luyaqhubeka phakathi kwabo ne-Eskom ngelizama ukufumana isisombululo,” kutsho uRamokgopa.

Kwiilokishi ezininzi zeli loMzantsi Afrika, basebaninzi abantu abangawuhlawuliyo umbane, abanye kubo bayoyika ukuya ngaphambili baxele amatyala abo kuEskom.