Abhaqiwe amathambo endoda eyalahleka ngo2014

INTLOKO kwakunye namanye amathambo omzimba wendoda eyayilahleke eGcuwa ngo2014 ifunyenwe ngamakhwenkwe ebezidlalela ngoMgqibelo.

Iingxelo eziphuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa, kwakunye neendawo ezingqongileyo uKapteni Jackson Manatha zithi, le ntloko yeli xhoba ibhaqwe liqela lamakhwenkwe kwilali yaKomkhulu eZingqayi eGcuwa emini ngoMgqibelo.

UManatha uthi, ngokothuka kwabo abantwana baye bayokubiza abantu abadala besithi babona intloko yomntu nalapho uluntu luye lwatsalela amapolisa aseMsobomvu kufuphi naseGcuwa.

“La makhwenkwe aye athatha abantu abo belali bebasa kwindawo le inentloko lo gama bebesalindele amapolisa. Kwindawo le inentloko kuye kwafunyanwa neempahla ekucaca ukuba yayizezexhoba nalapho ziye zachazwa njengezika- Nkosinathi Ntshinga owayenamashummi amane anesixhenxe (47) eBlue Sky,” utshilo uManatha.

Iingxelo zithi, uNtshinga waduka kwinyanga yeDwarha ngo2014, waze wayokubikwa emapoliseni.

UManatha uthi, usapho lukaNtshinga eBlue Sky eGcuwa luye lakwazi umfanisa lusithi le ndoda sisalamane sabo. Amapolisa aseMsobomvu eGcuwa avule iqwakuqwaku ngesi sehlo kwaye ayaphanda.