Abhubhe endleleni ebuya eBhayi amalungu eANC

IBHUKUQE yashiya ishumi elinanye lamalungu eANC ebhubhile ibhasi ebibuya kumsitho walo mbutho eBhayi.

La malungu ebebuyela eRhawutini emva kokuzimasa umsitho wokothulwa komqulu wezithembiso zalo mbutho kunyulo loorhulumente boomasipala lwalo nyaka.

Le bhasi ibhukuqe ngentsasa yayizolo eFree State kwindlela ephakathi kweWinburg kwakunye neVentersburg.

Isithethi seANC uZizi Kodwa uthe, “Siyi-ANC sothuswe kakhulu ngulo mphanga wokufa kwamaqabane ebebuya eBhayi. Sivelana nabo bathe baswelekelwa kwakunye nabagxwelerhekileyo.” Uqhube wathi, “Sisazama ukufumana iinkcukaca ngale ngozi, sizakukhupha ingxelo emva kokufumana iinkcukaca ezipheleleyo.”

Isithethi sika911 uAthlenda Mathe ukhuphe ingxelo ethi, abo benzakeleyo bathuthelwe kwizibhedlele ezikufutshane.

Ukwathe, kukho abonzakele kakhulu. Amapolisa aseFree State asaphanda isizekabani.