Abhubhela ezintolongweni amajoni omzabalazo

UMzuvukile Sompeta uthathele kuye idabi lokukhuluwa kwamajoni eAPLA

“Abhubhela ejele lamajoni ndithetha ngawo singaxelelwa nokuxelelwa, amanye aphuma entolongweni engenabani wokuwakhathalela, abanye bafika babhubhe apha ngaphandle besadinga uncedo,” Oku kuthethwe Mzuvukile Sompetha owayesakuba lijoni leAPLA neyayiliphiko lomkhosi wePAC. USompeta waseZwelitsha eNyanga eKapa uthi ulithathele kuye idabi lokulwela ukukhulwa kwamajoni eAPLA aseseluvalelweni.

Ngokwengxelo ngamabanjwa angaphezu kwashumi amane anesibhozo asankolonkoloza eziseleni zoMzantsi Afrika ngenxa yamatyala abawenza ngexesha lomzabalazo, beyalelwa yimibutho eyayisilwela inkululeko equka iPAC iANC neminye. La mabanjwa avalelwe ngexesha elandulela ukukhululeka kwelizwe loMzantsi Afrika ukusukela ekupheleni kweminyaka yoo-1980 ukuza ekuqaleni kweminyaka yo-1990.

“Akhona amabanjwa asandimemayo kwintolongo ezahlukileyo zoMzantsi Afrika asafuna ukuba achazwe ukuba aseluvalelweni ngenxa yomzabalazo, ngoko ke elinani lingaphezulu kweli ndikuxelela ngalo,” utshilo uSompeta.

Lo kaSompeta wazimanya nomzabalazo wePAC ngonyaka ka -1976, emva koko wazimanya neAPLA ngo-1982. Igqala lePAC uWaters Toboti uyakungqina ukuba kumele ukuba akhululwe lamajoni ngaphandle kwengxaki.

“Uninzi laba bafana siyabazi abanye babethatha amagunya okusebenza apha kuthi ngoko ke kumele ukuba bakhululwe eluvalelweni ngaphandle kwemiqathango,” utshilo uToboti.

Ijoni leAPLA elisandula kukhululwa ngengqawule ebangele ingxoxo uKenny Motsamai uyinxalenye yoluhlu lamabanjwa ekunyanzelwa ukuba akhululwe.

USompeta ubhalele umbutho wezizwe ezimanyeneyo (United Nations) ecela inkxaso yokuba kunyanzeliswe uMzantsi Afrika ukuba ukhulule la mabanjwa ezintolongweni.

“Kwimbalelwano yam kumbutho wezizwe ezimanyeneyo bandixelele ukuba bazakukhangela izimvo zabantu malunga nokunyanzela uMzantsi Afrika ukuba ukhulule onke amabanjwa aseluvalelweni ngenxa yenxaxheba yawo kumzabalazo,” utshilo uSompeta.

UFezile Goqi libanjwa lamva nje elibhubhele eluvalelweni kwiveki ephelileyo. UThabanga Butsega ubhubhele entolongweni ngonyaka ka-2014, kanti uMike Leshumo ubhubhe kwisithuba senyanga phambi kokuba akhululwe ngo-2013.

“Naba bakhululwayo baphuma bengaphilanga abanye bengasenazo nentsapho zokubakhathalela bengafumani noncedo lukarhulumente,”utsho uSompeta.

Uthi akakafumani mpendulo kwincwadi ayibhalele kwi ofisi kamongameli weli uJacob Zuma.

“Andisoze ndiyeke ukulwela ukukhululwa kwalamabanjwa,ndibhalele kwiAfrican Union, UN nakwezinye inkokheli ezinokuba nefuthe elimandla ekukhululweni kwalamabanjwa,”utsho uSompeta.

Kunyaka ophelileyo uToboti wathi ilizwe loMzantsi Afrika alingomzekelo welizwe elikhululekileyo.

“Silihlazo eMzantsi Afrika ukuba kude kube ngoku abantwana babantu besankolonkoloza eziseleni ngenxa yobuqhitala kurhulumente wethu,” watsho uToboti.

Othethe egameni le-ofisi kamongameli Jacob Zuma ugqirha Bongani Ngqulunga akafumanekanga ukwenza ilizwi ngalomcimbi egameni leofisi kaZuma.