Abika imiceli mngeni kophezulu amanina wamabandla aseNgcobo

Amanina aphuma kumabandla ohlukeneyo eNgcobo, ephalaza iimbilini zawo ngeengxaki zoomama

AVUMELENE
ngazwinye amabandla enkolo yobuKrestu eNgcobo ukuba kuthethwe ngazwinye,
kucelwe ophezulu angenelele kwingxubekaxaka yeli lizwe, ngakumbi iingxaki
ezombethe amanina.

Amanina
aphuma kumabandla ohlukeneyo eNgcobo abambe inkomfa eAll Saints kule dolophu ngempelaveki
esiphuma kuyo. Kule nkomfa bekuthethwa ngeengxaki zasemakhaya ezijingene
noomama, emva koko bathandazela ezingxaki. Agxile kakhulu kwizifo
ezitshabalalisa ulutsha, ingakumbi isifo sikagawulayo nesandulela sakhe, isifo
sephepha, ukuxhatshazwa kwabasetyhini nabantwana, kwakunye nokusetyenziswa
kweziyobisi. 

Esinye sezithethi kule nkomfa sithe, ukuba ngumama ngumsebenzi onzima
kakhulu, “Oomama bajongene neemeko ezimaxongo zekhaya ukusuka kumyeni ukuya
ebantwaneni kwaye oko kukhokelela ukuba oomama badinwe,” sitshilo esi sithethi.
Abebeyinxalenye yale nkomfa bathe iinkomfa ezifana nale ziba luncedo, zibanika
ithuba lokuphefumlelana, ithemba nokomelezana ngomthathazo.

Amagosa
esebe lezempilo kwakunye nombutho wabucala iMen as Partners ebezokunika inkxaso
kumanina ebezimase le nkomfa. Isebe kwakunye nalo mbutho bazibophelele kwintsebenziswano
namabandla ekulweni nezifo ezigqiba amakhaya ingakumbi ulutsha. 

Obethethela eli
isebe lezempilo uNofezile Sigcu ukhuthaze abantu ukuba bandwendwele amaziko
ezempilo afana neekliniki rhoqo ukuze bahlolwe impilo.

Esinye
sezithethi zalamabandla uthe, kunomkhuba wabantu abahlekisa ngeengxaki zabanye.
“Ayamkeleki nangakumbi xa into yokuhlekisa ngengxaki yomnye umntu, ngakumbi xa
isenziwa ngumntu ongumama ozibiza ngekholwa,” sitshilo esi sithethi. 

UNozanele
Phoswa webandla lamaTshetshi uthe, isifo sikagawulayo yingozi engehlela naluphi
na usapho. Ukhuthaze ngelithi icebo linye kukubhenela kophezulu bathandaze
ngokuzimisela olwahlobo babesenza ngalo oomama bakudala ababethandaza kume
imigodi.

Uceba
wale ndawo uNosimo Lilane uncome indima yoomama emakhaya, esithi iimbokodo
yimiqolo yokuxhasa ootata bakwazi ukwamkela iimeko zobume bempilo yabo. Ukwathe
oomama mihla le bangalibali ukuthandazela ootata abathi baphambuke endleleni
baze babuye nezifo emakhaya.