Acela uncedo ngemali amapolisa

Abacuphi basePatensie phantsi komasipala iKouga ngaseBhayi banikeza ngemali engamawaka alishumi (R10 000) kumntu onokuthi anikeze ngolwazi olunokuthi lukhokhelele ekubanjweni komrhanelwa owabulala ixhewukazi kwifama iOorogs Poort ePatensie ngenyanga yoMqungu.

ULieutenant Gerda Swart wamapolisa ala mmandla uthi, eli xhewukazi negama lalo lingu-Ivy Hobbs linamashumi amathandathu anesibhozo (68) ubudala wayeyedwa ekhayeni ngethuba ehlaselwa ehlatywa endlini leyo yakhe ngumntu ongaziwayo.

“Usapho lwakhe lubhaqe umzimba ka-Ivy phambi kwentsimbi yeshumi elinanye kwangobo busuku bunye enamanxeba esifubeni nasezingalweni. Umenzi wobubi lowo akakabanjwa kwaye abahlali bayabongozwa ukuba bancedisane namapolisa ngolwazi olunokuthi luncede ekubanjweni komrhanelwa,” utshilo uSwart.

Nabanina onokubanolwazi ngobulele lo mama ancedisane namapolisa atsalele kumcuphi uWaranti Ofisa Johannes Noeth ku: 082 510 4419.

abongile.ginya@inl.co.za