Acoce isikolo sabakhubazekileyo amabanjwa

Amabanjwa ecoca isikolo sabakhubazekileyo iVukuhambe Special School eMdantsane. Umfanekiso: Siyanda Zakhe

Acoce isikolo sabantwana abakhubazekile iVukuhambe Special School amabanjwa wentolongo yaseWest Bank eMonti ngelizama ukwenza eliziko ukuba libe yindawo ecocekileyo. 

Usekela nqununu wesisikolo uWezile Thole uthi abakhange bafake sicelo ukuze bafumane ezinkonzo zasimahla. 


“Ngabo abeze kuthi kwiveki ephelileyo becela ukucoca isikolo esi besithi konke oku bangakwenza ngaphandle kwentlawulo,” ucacise watsho uThole. 


Lo kaThole uthi eli ziko lemfundo belixakene nengca ekhule ngokugqithisile ukusukela kunyaka ophelileyo,bayavuya ngenxa yolu ncedo. “Bafune nje izinto ezimbalwa kuthi ezifana nedizili, kwakunye nepetrol yokugalela kwaba matshini babsebenzisayo,”utshilo uThole.

 

Ongumlawuli wentolongo zeMpuma Koloni uNkosinathi Breakfast uthi le yinkqubo eqhelekileyo kweli sebe ngeenjongo zokuphucula impilo yabantwana ezikolweni.

“Senza oku nge njongo zokuba abantwana bangafiki esikolweni baxakeke kukucoca isikolo, sisebenzela ukuba bangene bafunde kwindawo ecocekileyo ukuze kuphucuke umgangatho wemfundo,” uthethe oko uBreakfast. 

Uthi isebe libavumela ukuba batyumbe izikolo ezithile ukuze basebenzisane nazo ngokuzinika inkonzo ezithile eziquka ukucocwa kweendonga. 


“Apha ephondweni zininzi izikolo esenze kuzo umsebenzi onje ngalo ngenjongo zokuba sinikise ngenkonzo eluntwini ingakumbi abantwana besikolo,” utsho uBreakfast.