Adilikile amakhaya eMalahleni

Umonakalo oshiywe yimimoya ebhudla ngamandla. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Zingaphezulu kwekhulu izindlu ezichatshazelwe ngumoya obhudla ngamandla kuMasipala waseMalahleni ukusukela ngomhla wesibhozo kule nyanga.

Inyanga yeKhala yaziwa ngomoya obhudla ngamandla kwiindawo ezikude nonxweme eMpuma Koloni.

Othethe egameni loMasipala waseMalahleni, uLuthando Nqumkana, uthi baxakeke kukukhangela iinkcukacha ezigqibeleleyo malunga noku.

“Xa kukho intleleke sixhomekeke kulwazi olusuka kwiiwadi, lungenile ke ulwazi kodwa sisaqhubeka ukufumana ezi nkcukacha, namhlanje umhla weshumi elinesibini kule nyanga yeKhala sinentlanganiso,” ucacisa watsho uNqumkana.

Indlu edilikileyo. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Kukho iingxelo zokuba kukho usapho olufelwe ziigusha ezilishumi elinesixhenxe ngenxa yokuwelwa yindlu.

“Ukuze indawo ichazwe njengengingqi yentlekele, kufuneka ukuba kuMasipala ongangalo wethu kuchaphazeleke iiwadi ezifika kumashumi amahlanu eepesenti ekhulwini,” kutsho uNqumkana.

Kwiilali eziquka iMachubeni eMalahleni, ngamakhaya angaphezu kwamashumi amabini amkelwe ngamaphahla, logama kwamanye amakhaya kudilike izindlu uqobo lwazo.

Kumanye amakhaya izindlu ziwephantsi ngokupheleleyo ngenxa yomoya obubhudla ngamandla imini nobusuku kuMasipala waseMalahleni.

Uphahla lwendlu olutshatyalaliswe yimimoya ebhudla ngamandla. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Uninzi lwezindlu eziwileyo zizindlu zodaka ezakhiwe kwiindawo ezikhongozela umoya. Ukuqhawuka kombane ngenxa yale ntlekele kubangela unxunguphalo olungaphezulu.

“Sibize intlanganiso ngelizama ukukhangela ukuba kungenziwa ntoni ukuze kukhawulelwane nengxaki yokuhlaselwa kwabantu yimozulu enomoya engaqhelekanga, baninzi abantu abachaphazelekileyo,” kutsho uNqumkana.

UMasipala waseMalahleni unengxaki yomoya ovuthuza ngamandla ngexesha lasebusika obangela umonakalo omkhulu kumakhaya.

Kumaphondo afana neNtshona Koloni kwenzeke umonakalo omkhulu ngenxa yemvula emandla ekhatshwa ngumoya omandla.