Africa Day 2020

Ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga kaCanzibe ngonyaka ka1963, amazwe ayesele ekhululekile eAfrika, adibana eAddis Ababa eEthiopia exoxa ikamva leli lizwekazi.

Loo ndibano yaphuma nesigqibo sokuba kumiselwe umbutho odibanisa amazwe aseAfrika, owathi wabizwa ngokuba yiOrganisation of African Unity (OAU). Amazwe ayesele ekhululekile eAfrika ngelo xesha ayequka iGhana, Ethiopia, Sudan, Morocco, Tunisia, Libia neLiberia.

Olu suku lahlala lihleli njengesikhumbuzo sokusekwa kombutho wamazwe aseAfrika iOAU nethe kamva yabizwa ngokuba iAfrican Union (AU). UMongameli welizwe laseGhana uKwame Nkrumah wadlala indima ephambili ukuseka lo mbutho owanceda ilizwekazi laseAfrika.

Ngonyaka ngamnye kumiselwa umxholo othile ekuthi kugxilwe kuwo xa kukhunjulwa ukusekwa kwalo mbutho.

Kunyaka ophelileyo umxholo wesi sikhumbuzo ubukhuthaza ukuphila ubomi obusempilweni, ngokunga bebeyazi ukuba sakuba sidada kule nyhudede yesifo seKhorona kulo nyaka.

Ilizwekazi laseAfrika belisoloko lisisisulu sezifo ebezifika apha zivela kwamanye amazwe, zifike zibulale abantu abaninzi kunamanye amazwe ehlabathi.

Okwangoku ilizwekazi laseAfrika, lisemi kwindawo engaxhalabisiyo ngokwamanani wabantu abosulelwe sisifo seKhorona xa lithelekiswa namanye amazwe ehlabathi.

Ngamazwe angamashumi amahlanu anesithathu eAfrika achatshazelwe sisifo seKhorona, logama ingabantu abakumashumi amahlanu anesithandathu amawaka abosulelwe sesi sifo eAfrika.

Ingxelo yoMbutho wezeMpilo kwiZizwe eziManyeneyo ithi ngamawaka amabini ananye abantu ababulewe yiKhorona kwiAfrika yonke ukusukela oko siqalile esi sifo.

Ukanti bakwishumi elinesithoba lamawaka abathe baphila besoyisa isifo seKhorona, kwelinye icala uMzantsi Afrika uhamba phambili ngeshumi lamawaka abantu abosulelwe sesi sifo.

Ngomhla wesine kule nyanga, uMbutho wezeMpilo kwiHlabathi (WHO) uvakalise ukuba uyazihlonipha iinzame zokusetyenziswa kwamayeza esiNtu ingakumbi kumazwekazi afana neAfrika ngenxa yembali yawo.

UGqirha uJaun Paul Mira waseFrance kwinyanga ephelileyo ucele uxolo kubantu baseAfrika emva kokuba ememelele ukuba amachiza okulwa neKhorona mawalingwe kubantu baseAfrika.

Izifundiswa, ooGqirha nabezopolitiko kweli lizwekazi abazange bamlinde uMira bemgxeka bemgxibha ngokwenza le ntetho.

Umbutho ongunyana weOAU, iAU umemelela uluntu lwaseAfrika ukuba luzikhusele lukhusele nabanye abantu ngokuvula umgama, kuhlanjwe izandla kunxitywe izingxobo zokukhusela umlomo.

NgokweKhalenda yaseAfrika, uCanzibe yinyanga ebaluleke kakhulu nanjengoko iyinyanga yokuvunwa kokutya emasimini kusandulela imicimbi eyenziwa ngeSilimela.