Ngoncedo lweSebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle, ngamafama asakhulayo weli leMpuma Koloni alishumi elinesithandathu (16) afumana uqeqesho kwilizwe laseJamani.
Olu qeqesho lugxile kwizakhono ezahlukeneyo kwimicimbi yezolimo equka, iindlela zokunkcenkceshela, ukukhathalela amadlelo neendlela zokonga amanzi kumafama.
La mafama aqale olu qeqesho ukusukela ngomhla wokuqala kule nyanga yoMsintsi kwaye kulindeleke ukuba luphele ngomhla weshumi elinesine kule nyanga. Ilizwe laseJamani kudala linobudlelwane nelizwe loMzantsi Afrika ingakumbi iMpuma Koloni.
Ngokwengxelo, la mafama aphuma kwiindawo ezahlukeneyo zeMpuma Koloni ngokwezithili zeli phondo. Uqeqesho olu luquka ukujikeleza kumaziko olimo ahlukeneyo ngelizama ukuvula amehlo amafama aseMpuma Koloni.
Ukuxhobisa ngolwazi amafama ingakumbi amnyama licebo elililo lokuzama ukuqinisa umsebenzi wezolimo kweli phondo.
Kutshanje, iKomishini yamaLungelo oLuntu ikhuphe iingxelo zokuba iMpuma Koloni inezinga eliphezulu lendlala.
Umfama wodumo waseMaletswai, uDintle Maphala, ofuye iibhokhwe zeAngora uyinxalenye yegqiza lamafama aseMpuma Koloni akwela lizwe laseJamani.
Iindlela zokulima ngokusebenzisa oomatshini balamaxesha zezinye zezinto ekulindeleke ukuba azifundiswe la mafama eJamani.
NgoLwesine wale veki la mafama kulindeleke ukuba atyelele enye yeefama ezinkulu ezivelisa ubisi kwela lizwe. “Eyona nto iphambili kukuba sifunde indlela abenza ngayo izinto xa belima, siseHanover kodwa ke sihamba kwiindawo ezahlukeneyo njengokuba uyibona inkqubo yethu,” kucacisa uMaphala.
Amabhokobhoko ebethe iNew Zealand kwaqina ubunganga bawo embhoxweni wehlabathi