Afuna iKumkani yawo amaMpondo

IiNkosi noluntu lwesizwe samaMpondo bakwiphulo lokunyanzela urhulumente ukuba agunyazise ikumkani yesa sizwe uZanozuko Sigcau ukuba isebenze ngokusemthethweni njengekumkani yamaMpondo.

Ezi nkokheli bezibambe indibano ngelizama ukuqalisa idabi lokucela urhulumente ukuba angenelele ukuze ikumkani yazo isebenze ngokusemthethweni. Inkokeli yeli phulo uNkosi Mlungisi Nziba uthi abathandabuzi ukuba ikumkani yamaMpondo inye nguZanozuko Sigcawu.

“Ngonyaka ka-1994 ilizwe loMzantsi Afrika lakhululeka, kodwa thina apha emaMpondweni saqala ukucinezeleka. Urhulumente wenza into entle ngokumisela ikomishini eyasixelela le nto siyaziyo yokuba ikumkani inye apha, iphuma kwindlu kaMarhelane kaMandlonke, nguZanozuko siyayazi lo nto,” uthethe oko uNziba.

Ezi nkosi zithi zininzi ingxaki ezikhoyo kwesa sizwe ngenxa yokungabikho kwekumkani ekhokeleyo nangona iphila ikumkani yaso.

Ukumkani uZanozuko Tyelevuyo Sigcawu wanikwa igunya yikomishini kaThandabantu Nhlapho ukuba akhokele isizwe samaMpondo onke.

“Ingxaki iqale apha ngethuba kungene uBotha Sigcawu wasebenzisa igunya loburhulumente baseTranskie nesikolo yonke lo nto ingenguye omsemthethweni, yalahleka imbali yesizwe sethu,” utshilo uNziba.

Ngonyaka ka-2010 umongameli weli uJacob Zuma wakhupha isigunyaziso sokuba uZanozuko Sigcawu nguye ikumkani yamaMpondo esemthethweni. Kwathi kamva kwavela isithintelo kwindlu kaMpondombini Sigcawu.

Inkokheli yasekuhlaleni eLambasi eLusikisiki uSabatha Mapitiza uthi sele behambele phambili nelidabi.

“Sizakubhala incwadi eya e-ofisini kamongameli uJacob Zuma, sicele ukuba asicacisele ngokuqhubekayo kubukumkani bamaMpondo, sifuna ikumkani yethu kwaye siyayazi ukuba inye nguZanozuko Sigcawu,” utshilo uMapitiza.

Lo kaMapitiza uthi bajonge ukugqithela kwiPalamente kazwelonke eKapa ukuba abanakufumana mpendulo.

Eli qela libambe indibano eFlagstaff ngomhla wamashumi amabini anesibini kwinyanga ephelileyo ngelizama ukufumana amagunya kubantu besizwe samaMpondo.

“Sinabantu abaphuma kwimbombo zonke zesizwe samaMpondo, eNyandeni, eQawukeni, kuNtabankulu naseNgqeleni, sonke sithetha ngezw’ inye, sifuna ikumkani,” uthethe watsho uMapitiza.

Oku konke kwenzeka ngelixa kusalindeleke isigwebo senkundla yezibeno malunga noyena mntu ekufaneleke ukuba yikumkani yamaMpondo.

Enye yenkokheli zokuhlala uVatha Magadlela uthi indibano yabo ngoMgqibelo ogqithileyo ithabathe izigqibo ezithile.

“Sivene ukuba igqiza lethu lizakuya phaya kwakumkani lisiya kubaxelela ukuba sizakubhala incwadi eya e-ofisini kaZuma sicela ukuba ngomhla weSibhozo kweyoMnga kulo nyaka ibekwe,” utsho uMagadlela.

Othethe egameni lekomkhulu kwicala likakumkani uMpondombini Sigcawu uNkosi uMadodebhunga Faku uthi abathandabuzi ukuba nabo banegunya lobukumkani.

“Ukubhubha kukakumkani uMpondombini sathatha isigqibo sokuba kubambele iNkosikazi yakhe uMasobhuza endaweni yentombi yakhe uWezizwe Sigcawu. Asithandabuzi ukuba ubukumkani bobethu, akukho mcimbi wobukhosi owakhe wangenwa ngabantu bokuhlala,” uthethe watsho uSigcawu.

Ikomkhulu lamaMpondo eNdimakude eFlagstaff alivumanga ukuthetha ngalomcimbi lisithi ngumcimbi osezinkundleni zomthetho alinakwenza lizwi ngawo.