Afuna imbuyekezo amafama eenkukhu

 

Bafuna imbuyekezo kurhulumente abafuyi beenkukhu kweli loMzantsi Afrika ngenxa yokufa kweenkukhu zabo ngumkhuhlane obhaqwe kumaphondo aquka iMpumalanga neNtshona Koloni iH5N8.


ISouth African Poultry Association inyanzelisa ukuba urhulumente ababuyekeze ngenxa yeenkukhu, iintaka kunye neenciniba zabo ezithe zabulawa ngenxa yokoyika esi sifo.


UGqirha Ziyanda Majokweni ophuma kwi-arhente ejongene nokulawulwa kwezifo ezinkukwini nakwiintaka, uthi kusemthethweni ukubuyekezwa kwala mafama.


“Umthetho iAnimal Deseases Act wonyaka ka1984 ugunyazisa ukukhathalelwa ngentlawulo kwamafama xa athe alahlekelwa yimfuyo yawo ngenxa yesifo esinje ngesi, oku kunganceda ukuba amafama akwazi ukulwa nokunwenwa kwalo mkhuhlane,” uthethe watsho uMajokweni.

 

Ukusukela ngenyanga kaCanzibe walo nyaka kubhaqwe iimpawu zalo mkhuhlane eZimbabwe, waza uMzantsi Afrika wagunyazisa ukuba ingangeni kweli inyama yenkukhu evela eZimbabwe. 


Ekupheleni kwenyanga yeSilimela, iimpawu zalo mkhuhlane zibonwe kwiphondo laseMpumalanga naseNtshona Koloni kamva.


Isebe lezoLimo,amaHlathi nezoLobo kweli,  lizame ngako konke ukuthintela ukunaba kwalo mkhuhlane eMzantsi Afrika. 


Othethe egameni leli sebe uBomikazi Molapo,  uthi bazama konke ukuthintela ukunwenwa kwalo mkhuhlane eMzantsi Afrika.


“Sikhuthaza ukuba amafama angavumi ukuba imihlambi yabo yeenkukhu idibane nezinye iinkukhu ezivela kwenye indawo, zihlale zingaphakathi ukuze zingarhanguli izifo zangaphandle,” uthethe watsho uMolapo.

 

Ukanti kumcimbi wentlawulo uthi isebe lakhe lisifumene isikhalazo esisuka kwiSAPA sokuba befuna imbuyekezo ngenxa yeenkukhu zabo ezife ngenxa yesi sifo.


“Urhulumente ugunyaziswa ngumthetho ukuba ayalele amafama ukuba azibulale izilwanyana xa kukho isifo esosulelayo, okwangoku sifake isiphakamiso kwipalamente kazwelonke malunga nesicelo sokuba senze imbuyekezo.”