Amalungu eKhabhinethi kazwelonke aquka uSekela Mongameli, abaphathiswa noosekela baphathiswa bafungiswe ngokusesikweni namhlanje eCTICC eKapa.
IJaji eyintloko kweli uChief Justice Raymond Zondo usingathe lo msebenzi wokufungiswa kwala magosa aphezulu kurhulumente weli.
Oku kwenzeka logama kusekho amaphondo asemi emanzini angakwazi kuqalisa umsebenzi ngenxa yokungavumelani kwemibutho equka iANC kwakunye neDA.
Ukufungiswa kwamalungu weKhabhinethi linyathelo lokugqibela emva kovoto ukuze kuqaliswe umsebenzi wepalamente kazwelonke.
Umgaqo-siseko weli unyanzela ukuba la madoda namakhosikazi azibophelele ngokufunga ukuba aza kuthembeka kumgaqo-siseko nabantu belizwe loMzantsi Afrika.
Ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga yeSilimela uMongameli uCyril Ramaphosa uchaze ngokusemthethweni amalungu aza kusebenza nawo kwiKhabhinethi yakhe.
IKhabhinethi efungiswe apha ibonisa ngaphandle kwamathandabuzo ukutshintsha kwemeko yezopolitiko yelizwe loMzantsi Afrika.
Umbutho ophikisayo iDA ufumene izihlalo zabaphathiswa ezithandathu logama bekwanikwe izikhundla zoosekela baphathiswa.
Imibutho ephikisayo equka iUDM, IFP, PA neGood nayo ifumene izikhundla eziquka abaphathiswa noosekela baphathiswa. Oku kunika izimvo ezixubileyo ngeyona nto iza kwenzeka kuba imibutho yeli yoyisiwe kukusebenzisana kooMasipala abancinci nakwabo bezithili.
Amahlakani weANC aquka iSACP neCOSATU aluma evuthela malunga nezigqibo ezithathwe ngumbutho weANC kwezinye zezi zikhundla zobuphathiswa.
Oligqala leANC uTony Yengeni ugxeke ngokucacileyo ukutyunjwa kukaGqirha uPieter Groenewald kwisikhundla sokuba nguMphathiswa weeNkonzo zoLuleko.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo