Afunyenwe ekhamisile amangcwaba aseKhayelitsha eKapa!

Imifanekiso ethatyathwe nguPhando Jikelo, ebonisa amangcwaba aseHarare eKhayelitsha eKapa evuliwe
KAPA: Luthi ngumnqa olungayazi ukuba maliwuthini ukufunyanwa kwengcwaba likatata walo livuliwe usapho lakwaWece eKhayelitsha.

Oku kuza emva kokufunyanwa kwamangcwaba amabini evulekile kumadlaka aseHarare eKhayelitsha  ebutsheni beveki. Omabini la mangcwaba ngawabantu abafihlwa ngosuku olunye ngonyaka ka2015, omnye nguWilliam Stewiti Wece logama omnye ingumfana obeselula uOnke Tetyana waseGugulethu.

Unyana kaWece, uMkhululi Nhonho Mtakatya uthi abayazi ukuba uphazanyiselwe ntoni utata wakhe eziphumlele ngoxolo.

“Sisimanga sesenzo sobusathana esingazange sasibona kusapho lwethu esi, kwaye asiyazi ukuba siza kwenza njani ngoku ngendlela yokumngcwaba kwakhona utata. Into esingayivumanga silusapho sisiphakamiso samagosa esiXeko saseKapa sokuba angcwatywe kwanamhlanje okanye ngomso, noko asinakuqhuba ngathi singcwaba into ebi ngenaxabiso siza kweza amalungiselelo afanelekileyo sifumane neengcebiso ngesintu nakwinkolo yobuKrestu ukuba siqhube njani na.”

UNhonho uthi bafumana umnxeba osuka kumagosa esiXeko ubaxelela ngesi siganeko sokufunyanwa kwamangcwaba evuliwe, kwaye ukufika kwabo babona ngomnqwazi wakhe awayengcwatywe ewuthwele uyise ukuba ngenene kugrunjwe kwafikwa emzimbeni. 

Uthi ibhokisi abe bemngcwabe ngayo yexabiso iqhekeke yacukucezwa yangamaplanga, “nangona ibhokisi ibonakala ukuba yonakalisiwe sixoliswe kukufika umzimba wakhe usekhona kwaye uphelele kungekho lungu lisusiweyo,” utsho uNhonho.

Ukanti usapho lakwaTetyana lona luthi luzibuza luziphendula ukuba bebephi oonogada abasebenza kula madlaka logama bekusenzeka esi simanga.

Unina kaOnke, uLindiwe Tetyana uthi “sifuna isixeko sisiphendule kumcimbi wokhuseleko kuba ngamadlaka aso lawa, masitsho ke ukuba bebephi oonogada ngeli xesha kugrunjwa amangcwaba.”

Uthi bona belusapho abazokuqhuba enye inkonzo yomngcwabo baza kuyekela umasipala enze ngokwakhe. 

Umzimba kaOnke ufunyenwe ungamacala amabini, kwafunyanwa nesixhobo esisetyenziswa ukuqhaqha okanye ukwakha amaplanga (crowbar) kumngxunya wakhe.

Usomlomo wamapolisa kwisikhululo saseHarare uConstable Nosiphiwo Mtungwana uthi amapolisa asaqhuba uphando kwaye akukabikho mntu ubanjiweyo.