Inkundla ephakamileyo eMthatha ibafumene benamatyala amathathu ubuncinane abafana abathathu bakwaLink eMthatha abatyholwa ngothotho lamatyala aquka ukubulala.
Aba barhanelwa uMkhululi Luwaca (22), Bongani Dephana (22), Andiphile Mhlophe (21) bebevele kule nkundla iphakamileyo izolo.
Bekulindeleke ukuba inkundla iwise isigwebo kodwa ijaji uZamani Nhlangulela walimisa kwakhona ityala. Umrhanelwa ngamnye ufunyenwe enetyala lokuxhwila, elokuxhomisa, nelokubulala abafundi ababini uCarl George kunye noJack Muller belali yakwaPayne eMthatha bandula ukuphosa imizimba yabo eMthatha Dam ngenyanga kaCanzibe wonyaka ophelileyo.
Abarhanelwa babanjwa kwiintsukwana emva kwesi siganeko emva kokuba amapolisa apapasha esi siganeko ecela uncedo labahlali.
Sele ingaphezulu konyaka abulawayo amaxhoba, kodwa abazali bathi abakaxoli kukubulawa kwabafundi ngolu hlobo nanjengoko ingathi babulewe izolo.
Kweli tyala kwabizwa amangqina angaphezulu kweshumi licala lombuso, onke ethetha ngokuchasene nabarhanelwa kuquka izihlobo zala madoda, abahlobo kunye nothotho lamapolisa ayekhona ngethuba kuyokhonjwa indawo ekwaphoswa kuyo amaxhoba ephila ngosuku lesiganeko.
UGqirha Lubabalo Qaba ohlola izidumbu waxelela inkundla ukuba ngokweziphumo zohlolo lwemizimba awalwenzayo, kucace mhlophe amaxhoba aphoswa kule bhulorho ephila.
Ebudeni beli tyala abarhanelwa batshintsha ubungqina namagqwetha kwinto echazwa yinkundla njengokuzama ukusinda kweli tyala. Abazali bamaxhoba nezihlobo zabarhanelwa bebekhona enkundleni. Kulindeleke ukuba inkundla iwise isigwebo ngomhla wokuqala kweyoMsintsi.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?