Afunyenwe ephila amalungu amathandathu osapho olunye aseFrance, eLusikisiki, nabexhilwe, ze aya kugcinwa emzini othile eMagcakini, eLibode.
Kubanjwe kwavalelwa abarhanelwa abasibhozo (8), ngethuba abanye besakhangelwa, ze kwafunyanwa iimoto ezimbini (2), nompu ongekho semthethweni.
Ingxelo ekhutshwe ngamaPolisa ithi, ngeCawa umhla we30 kweySilimela, emva kwentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa, kugaleleke amadoda alishumi (10) ebexhobe ngemipu kumzi othile eFrance, eLusikisiki.
La malungu mathandathu osapho, athe akhonjwa ngompu, phambi kokuba oxuthelwe iimfonomfono zawo. Aba barhanelwa bakwathathe nemoto yolu sapho, phambi kokuba babaqweqwedisele mzini uthile eMagcakini, eLibode.
Ingxelo iqhuba ithi, emva kokuxhilwa kwamalungu olu sapho, omnye wamaxhoba uye wanyanzeliswa ukuba ahambe nabanye abarhanelwa, ukuya kukhupha imali eMthatha, ngethuba isihlanu samaxhoba sisele ngasemva.
Ukanti ngoMvulo, umhla wokuqala kwinyanga yeSilimela, amaPolisa afumene ingxelo yokulahleka kwamalungu amathandathu osapho olunye. Ubuchwepeshe bokukhangela imoto ebiweyo, ngoncedo lwenkampani yabucala bukhokelele kumzi othile eLibode.
Kwikhaya elo, amapolisa athe ahlangula amaxhoba oxhwilo amahlanu, ze abamba avalela abarhanelwa abane. Amapolisa afumene umpu ongekho semthethweni komnye wabarhanelwa.
Uphando lwamapolisa lukhokelele ekubanjweni kwabanye abarhanelwa abane, ze kwafunyanwa nemoto ebiweyi yohlobo lweveni yakwaToyota, kunye neRenault Clio eMthatha.
Ixhoba lesithandathu lifunyenwe mva lingenawo nomrhwelo kwisikhululo samapolisa iMadeira, eMthatha. Iinkcukacha zamapolisa ziveze ukuba eli xhoba liye lakhululwa emva kokuba likhuphe imali kumashini wokukhupha imali (ATM).
Aba barhanelwa basibhozo baphakathi kweminyaka eyi25 ukuya kwiminyaka eyi44. Ukanti aba barhanelwa bavele ngokufutshane kwinkundla yaseLusikisiki izolo uLwesithathu ngetyala lokuxhwila, laze ityala labo lamiselwa unamhlanje, umhla wesine. Kukwakho nethuba lokuba kungakho amatyala ongezelelwayo kuphando oluqhubayo.
UMkomishinala obambeleyo kwiPhondo, uMajor General Zithulele Dladla, uwuqhwabele izandla umsebenzi omhle wabo bathe bayinxalenye yolu phando.
“AmaPolisa onelisekile yimpumelelo yohlangulo lwamaxhoba, kwanokubanjwa kwabarhanelwa ngokukhawuleza. Abaphandi beli tyala basebenza ubusuku nemini, ukuzama ukubamba abanye abarhanelwa abathe babaleka nababandakanyeka kweli tyala,” utshilo uMajor General Dladla.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates