Agwetywe ubomi amadoda awaphanga ivenkile

Agwetye ubomi entolongweni kwakunye neminyaka engamashumi amahlanu amadoda amathathu emva kokufunyanwa enetyala lokuphanga nokubulala.

La madoda agwetywe yinkundla ephakamileyo yaseMthatha, emva kokufunyanwa enetyala lokubulala oonogada ababini bevenkile yakwaBoxer ngethuba babeqhekeza kule venkile ngonyaka ka2007.

Esi sithathu nguMasibulele Ngamlana (36), Silulami Nomjana (27) kwakunye noMzwanele Ngqengelele (41).

Ingxelo yesithethi seGunya-Bantu lezoTshutshiso kula ngingqi uLuxolo Tyali uthi, esi sithathu siqale ngokunikwa isigwebo sobomi ngokubulala uBonga Mjali nogxa wakhe, ababengoonogada.

Emva koko baye bongezwa ngeminyaka engamashumi amahlanu ngaphezulu begwetyelwa ityala lokuqhekeza, elokudlakathelisa kwanelokuba nemipu engenazimpepha-mvume.

UTyali uthi, ubungqina obuvela phambi kwenkundla, ngomhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yeKhala ngo2007. “La madoda angena exhobile kule venkile ekwindawo exakeke kakhulu eJubilee Hall Taxi Rank, ngethuba aba nogada babezakothula imali ababevela kuyilanda ebhankini,” kutsho uTyali.

“Aba barhanelwa bathulula ngeembumbulu konzakala omnye unogada omnye wabhubha, bakugqiba babaleka bayongena emotweni bebaleka nesixa semali eso. Xa befika kwilali yakwaPayne banyengeza imoto babaleka ngeenyawo, beleqwa ngamapolisa, nalapho kwakukho udutyulwano olwakhokelela ekwenzakaleni komnye wabarhanelwa,” utsho uTyali.

Ngethuba kuqhuba ityala omnye wabarhanelwa uMandisi Makuzeni, wavuma kwangoko ukuba ityala unalo nalapho waye wagwetywa ubomi entolongweni kwangoko.

Noxa kunjalo wazama ukubhida umkhondo esithi khange asebenzisane noogxa bakhe abanjwe nabo ekhomba abanye.

UTyali uthi, ngethuba kuqhuba eli tyala kule veki bebezama ukubambezela ukuwiswa kwesigwebo, bechwetha amagqwetha.

abongile.ginya@inl.co.za