Agxothe imimoya emibi amaRasta

URasta Congo Yada ngethuba kusenziwa umcimbi wokugxotha imimoya emdaka, kuye kwatshiswa nempepho kwafundwa nebhayibhile Umfanekiso: Buziwe Nocuze

Amarasta aseMarcus Garvey eKapa abambe umcimbi wokugxotha imimoya emibi emva kwesithwakumbe esathi sehla kule ndawo kwinyanga ephelileyo nalapho kwathi kwadutyulwa kwabulawa amantombazana amathandathu.

UKenyatta Memela nongusihlalo kwinkolo yabo bangamaRasta uxelele I’solezwe ukuba babonile ukuba makubekho into abayenzayo ukugxotha imimoya emibi kule ndawo.

“Sifuna abantu bayazi ukuba basengaqhubeka beze kule ndawo kwaye isenalo uxolo kuba sikhona sihlala apha,” utshilo uMemela.

Uqhube wathi bebengagxothi imimoya emibi nje kuphela, kodwa bebebhiyozela nomhla wokuzalwa kukaMarcus Garvey.

“Le ndawo yaziwa njengendawo ekuhlala kuyo amaRasta nangona bekhona abantu abangengawo, kodwa mandulo ibidume ngokuhlala wona, zatshintsha ke izinto, kwaye abantu bebeyazi njengendawo enokuthula noxolo, ” utshilo uMemela.

Uqhube wathi emva kokubulawa kwabantu abathandathu kwaye kwakubi kakhulu kubo kwaye nendawo ayafana nakuqala.

“Siyayazi ukuba emva kokuba senze lo mcimbi izinto ziza kutshintsha kuba siza kuthandaza ukuba abo beza kule ndawo ngeenjongo zokwenza ukungcola bangabi seza,” utshilo uMemela.

Kulo mcimbi bekukwakho uceba wale ndawo uSiphiwe Nqamnduku nokholelwayo ukuba emva komcimbi noko umahluko uza kuba khona. “Esa sehlo sasothusa sonke kwaye yilo nto ndithe xa ndifumana isimemo sokuza kulo mcimbi ndabona kulungile ukuba ndize, kuba njengenkokheli yokuhlala ndifuna abantu bahlale khululekileyo kwiindawo abahlala kuzo ngaphandle kokoyikisela ubomi babo,” utshilo uNqamnduku.

UKhuthala Madubedube noneminyaka engamashumi amathathu anesibini ubudala uthe abantu abenza ububi kula ndawo ngabantu abasuka kwezinye iindawo.

“Siyayibulela kakhulu le nto yenziwe ngala marasta kuba le ndawo ibisele inawo nje umoya omdaka kwaye bekuvakala ukuba kwachitheka igazi labantu,” utshilo uMadubedube.

Watsho esithi into efunekayo ngoku kukuba abefundisi bazokuthandaza kule ndawo.

“Abefundisi nabo mabeze ukuze aba bantu basuka kwiindawo zabo bazokungcolisa le ndawo bacinge kaninzi ngaphambi kokuza apha,” utshilo uMadubudube.

Uqhube wathi bayathemba ukuba izinto ziza kutshintsha kuba uninzi lwabantu besele lusoyika ukuza kule ndawo.

“Abantu le ndawo bebeyazi njengendawo yoxolo kuba kukhona amarasta kodwa ukubhubha kwabantu abathandathu kuye kwayitshintsha lo nto, kodwa ndiyathemba konke kuzotshintsha emva kwalo mcimbi.”