Nanjengoko ilizwe liqhubeka libhiyozela amasiko, izithethe nezinto ezililifa kwisizwe, amaDlamini enyuke intaba iSandlulube, eBurgville, kwiphondo laKwaZulu Natal.
UGqirha uManduleli Bhikitsha ubeyinxalenye yolu hambo lokonyuka le ntaba inembali yesizwe samaDlamini.
”Minyaka le ngeli xesha lokuqaphela inyanga yamasiko nezithethe sinyuka le ntaba, sisenza isikhumbuzo sehambo yoobawo mkhulu bethu,” kutsho uBhikitsha.
Olu hambo luyinxalenye yenzima esi sizwe esadibana nazo okwenza ukuba bambi kubo babalekele eMpuma Koloni.
”Emva kokuchithakala kwabo pha, omnye wabaleka eLesotho logama omnye wabo wazimanyana namaBhele, namaHlubi wajolisa ngaseMpuma Koloni,” kutsho uBhikitsha.
Ngeminyaka yoo-1800 esi sizwe samnkelwa emaXhoseni nguKumkani uHintsa.
”Xa befika kuHintsa wababela imihlaba equka lomhlaba waseGcuma nezinye iindawo kuba babemfenguza bekhangela indawo yokuhlala beswele,” ugadlela atsho uDlamini.
Uthi eyona njongo iphambili kukufundisana nokukhumbuzana ngembali yesizwe sooDlamini.
Igama elithi liDlamini lifumaneka kwimbali yezizwe ezininzi eziquka amaMpondo ngenxa yokusetyenziswa kweli gama lithiya abantu abahlukileyo.
“Sinyuka intaba le size sifike phaya ngaphezulu senze amasiko athile esizwe samaDlamini, sinxibelelana namanyange akowethu,” kutsho uBhikitsha.
Minyaka le ilizwe loMzantsi Afrika libhiyozela amasiko, izithethe nezinto zonke ezililifa kwisizwe ngenyanga yoMsintsi.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’