#Aids2016: Oonesi bachazwe njengamaqhawe kaGawulayo

OONESI bachazwe njengabona benze igalelo ebeliyi- mpumelelo kuhanjiso lwechiza le-antiretroviral eMzantsi Afrika, nelisindise imiphefumlo emininzi. UMphathiswa wezempilo kweli, uGqr.

Aaron Motsoaledi, uthe, iNurse Initiated Management of Antiretroviral Therapy (Nimart) eyaqala ngonyaka ka-2010, ibe lutyalo olungcono eli lizwe lakhe lalenza ukusindisa iimpilo zabo baphila nentsholongwane kaGawulayo.

UMotsoaledi ebethetha kwiNursing HIV Pre-Conference ebibanjelwe kwiziko i-ICC eThekwini ngoMgqibelo. Kumfanekiso we-video oboniswe kweli ziko, uGqr. Yogan Pillay weli ziko, uthe bengogqirha ezibhedlele kuphela abebefudula bekhupha ii-ARVs. Kususela kuqala kweNimart, bangama-23 000 oonesi abathe baqeqeshelwa ukukhupha ii-ARVs, besonyusa kwinani labaxhamla olu nyango. “Ubude bokuphila eMzantsi Afrika bonyuke ngeminyaka emihlanu, ingeyiyo inkqubo yeHIV nokufunyanwa zizigulana ezininzi nje kuphela, kodwa nangenxa yoonesi be-Nimart abaqeqeshiweyo.” Ayikuko nokokuba abo baphila nentsholongwane ye-HIV baphila ngenxa yolu nyango lusindisa imiphefumlo nje kuphela, kodwa bakwazile ukuzimisela ekuqhubeni kakuhle, utshilo uPillay. UMzantsi Afrika ubalulwa njengelona lizwe linenkqubo exananazileyo ye-ARV kwihlabathi, kwaye ngoSeptemba kulindeleke ukuba bonke abo baphila nentsholongwane ye-HIV bakwazi ukufumana unyango nokuba lithini na iqondo le-CD4 Count yabo. UMphathiswa wezempilo kwaZulu-Natal, uGqr. Sibongiseni Dhlomo, uthe, malunga nomyinge weepesenti ezikuma-72 yabantu abakwinkqubo yonyango kwela phondo, ichiza balithabatha kumaziko empilo akufutshane aqhutywa ngabongikazi.

Oku akongezi inani leendawo zokuthabatha amachiza kuphela, kodwa kukwasondeza unyango kufutshane noluntu, nto leyo inceda nakwintembeko. UMotsoaledi ukwathe amanesi akhona nakwinkqubo yothintelo lolosuleleko lentsholongwane ye-HIV phakathi komama nomntwana.

Oku kuncede ukuyinciphisa ukusuka kwiintsana ezingama-70 000 abazelwe ne-HIV ngo2014 ukuya kwinto engaphantsi kwamawaka amathandathu (6 000) xa kunamhlanje. “Yiyo le nto ndisithi apha eMzantsi Afrika, impumelelo yethu iya emanesini ngokuba ngawo abe phambili kunyango lwe-HIV.” USimon Hlungwani, onguMongameli weDemocratic Nursing Organisation of South Africa (Denosa), uthe njengemiqolo yenkqubo yezempilo kwihlabathi lonke, ilizwi loonesi libalulekile. “Mnye kuphela umceli-mngeni ome endleleni yempumelelo kunakekelo lwempilo olululo, ingakumbi kwi-Afrika esemazantsi nethwaxwe ngamandla nguGawulayo, kukunqongophala koonompilo.” “Sikholelwa ekubeni, amanesi abephambili kumlo wesifo sikaGawulayo ekuyilweni kwemithetho nasekwenziweni kwayo, nokwabelana nangokuhle.