#Aids2016: U-Elton John noPrince Harry eThekwini!

NGOKWENENE * -Elton John no-Prince Harry bazakuba yinxalenye yeNkomfa kaGawulayo yeHlabathi (International Aids Conference) eqalileyo eThekwini izolo. Le mvumi yomculo wohlobo lwePop kunye noHarry wobukhosi bamaNgesi, bazakubamba iseshoni egxile kulutsha kule nkomfa, oku kuthethwe ngumbutho kaJohn ongoGawulayo kwingxelo.

Le seshoni izakucubungula indlela abo basafikisayo abachatshazelwa ngayo ngumkhethe nokunyembana ngenxa yesifo sikaGawulayo.

UJohn no-Harry bazakongezwa nguPrince Seeiso waseLesotho kwakunye negqiza labantu abatsha kuthethwa ngomakwenziwe ukubek’ esweni izidingo zolutsha olune-HIV.

Umbutho kaJohn uzakuphinda ubhengeze owokuqala ukuzuza i-LGBT Funda, intsebenziswano yezigidi ezilishumi (10 million) ne-Emergency Plan for Aids Relief kaMongameli, iphulo lorhulumente waseMelika, neligxile kwilizwekazi le-Afrika.

“Namhlanje, i-HIV/Aids sisifo esinganyangekayo kwaye ayisesiso isigwebo sobomi njengakwiminyaka elishumi egqithileyo, kodwa asinakuhlala nje kumlo wethu wokuyitshabalalisa kwaphela.

Ukuba iinzame zethu ziyafeda, ulosuleleko lwakwenyuka kwakhona, kwaye esi sifo, nesingenamkhethe, sakuphinda sibuye sigqugqise kwaye sitshabalalise,” utshilo uJohn kwingxelo.

“Abantu abathandana nesini esinye nolutsha kwihlabathi jikelele de kube ngoku abakakwazi ukufikelela kunyango lokusindisa iimpilo zabo kuba bajamelene nobukulo nokucalulwa. Ndijonge ngabomvu ukusebenzisana noPrince Harry kwakunye nezinye iinkokheli zehlabathi ukuncedisa nokuphelisa nya uGawulayo.”

UJohn kudala wazibandakanya nomlo wedabi likaGawulayo kususela ekutshoneni kweminyaka yoo-1980 waze ngonyaka ka1992, wasungula umbutho wakhe. Kususela ukuqala kwayo, uthi lo mbutho uqokelele ngaphaya kwe-350 yezigidi zeerandi ukuncedisana namaphulo kaGawulayo.

UJohn, nowabhengeza ukuthandana kwakhe nezini zozibini ngonyaka ka1976 waye waphila impilo ephandle yokuthandana nesini esifana nesakhe kususela kunyaka ka1988, kwaye emva kokuba umtshato wababini besini esifanayo waba semthethweni kwilizwe laseNgilane, waye wazimanya noFurnish ngowe-21 kweyoMnga ka2014. Ulitshantliziyo leentshukumo zentlalo yabathandana besini esifanayo (lesbian, gay, bisexual and transgender) kwakunye nabatshate bezini zifanayo.

Kunyaka ophelileyo, lo mbutho waseka iYoung Survivors, phulo elo lokuqokelela ingxowa-mali yokusindisa ubomi babantu abatsha abaphila ne-HIV kumazwe athile elizwe le-Afrika.Ngo-2014, lo mbutho ne-PEPFAR babinza ngezigidi ezisixhenxe zeedola kwiHealth4Men, inkqubo yoMzantsi Afrika enikezela ngonakekelo lwezempilo yasimahla nabucala kumadoda abelana ngesondo namanye. I-EJAF ne-PEPFAR ngoLwesithathu, umhla we-20 kweyeKhala, bazakubamba inkomfa noonondaba ukuze babhengeze ngokusesikweni owokuqala ozakuxhamla kwinxaso-mali ye-LGBT.

Le nkxaso-mali, neyasungulwa ngonyaka ka-2015, ixhasa imibutho engenanto yakwenza norhulumente kumazwe aliqela asemazantsi elizwekazi le-Afrika nakwiCaribbean, kwaye inikise nangolwazi neenkonzo kwisizwe sabo bathandana besini sifanayo.