Ajijisana nombungu obhuqa umbona amagosa karhulumente

Umbungu utya izityalo eziziinkozo obhaqwe eCebe kuCentane, iFall ArmwormUMFANEKISO: UTHUNYELWE

Limanxadanxada isebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle eMpuma Koloni lizama ukuvingca amazibuko, lithintela ukunwenwa kombungu obhaqwe eCebe kuCentane, iFall Armworm.

Ingxelo yela sebe ithi lo mbungu ubangela umonakalo ongathethekiyo kwizityalo ezizinkozo ngokukodwa kumbona xa uthe wafika esityalweni. UGqr. Thembekazi Silwana uthi amaqela wela sebe athe bhazalala ephondweni enqanda lo mbungu.

“Bekukudala kakade sisebenza ukuthintela ukunaba kwalo mbungu kwakunyaka ophelileyo, ngoku ke ubhaqwe eCebe kuCentane, sisebenza ubusuku nemini sithintela ukunaba kwawo,” uthethe oko uSilwana.

Uthi bakhuphe iingcali zabaphandi ezikhokhelwe ngoogqirha abanolwazi olungqamene nalo msebenzi.

“Sifumana ulwazi thina kumlimi wombona lowo, size ke ngoku silandele ulwazi olo, kwesi sihlandlo sixelelwe ukuba kukho nto ebonwe emboneni ekukrokrelwa ukuba ngulo mbungu, yaza yathunyelwa eStellenbosch ukuba kwenziwe uphando, iziphumo zibuye zisithi nguwo kanye,” ucacise watsho uSilwana.

Ingxelo yesebe ithi lo mbungu uqala ukuzibonakalisa ngokutya amagqabi ombona ukuze kamva uphumele kwisikhwebu sombona usitya iinkozo.

“Ngokuya ukhula uye uphumele esikhwebini sombona nakwidiza ubuqu, uyabhubhisa xa uthe wafumaneka lo mbungu,” utshilo uSilwana.

Umbona sesona sityalo baxhomekeke kuso abantu abaninzi beMpuma Koloni nanjengoko isesona sifikeleleka lula ukusityala.

Kutshanje isebe lezolimo likhuphe ingxelo zokuba uzakwanda umyinge wombona ozakuvunwa eMpuma Koloni xa uthelekiswa neminyaka engaphambili. “Andiqondi ukuba lo mbungu uzakuphazamisa isivuno esilindelekileyo sombona apha eMpuma Koloni, kuba ufike emva kwexesha noko umbona sele ukhulile ngoku,” uthethe oko uSilwana.

Lo mbungu ubhaqwe ngenyanga yoMdumba kulo nyaka kweli loMzantsi Afrika, waza urhulumente kazwelonke wajikeleza ekhangela amachiza okulwa nawo.

Umphathiswa wela sebe uMlibo Qoboshiyane, uthi isebe lakhe lityale imali ebonakalayo ngokukodwa kula ngingqi yakuCentane ukuqinisekisa ukuveliswa kombona.

“Yimali ephaya kwizigidi ezintandathu zeerandi (R6.7 million) ethe yasetyenziswa ukuqhubela phambili iinzame zokuveliswa kombona kula ngingqi yakuCentane,” utsho uQoboshiyane.

Ela sebe lilumkisa uluntu ukuba lingasondeli emasimini ngeli xesha lokugalelwa kwamachiza alwa nalo mbungu.

Uqikelelo lwemveliso yombona kuzwelonke lubonisa ukuba iMpuma Koloni iza kufumana umbona ongaphezu kwalowo ubufunyenwe kunyaka ophelileyo.

Ngamashumi asixhenxe anesibhozo eetoni zombona obomvu ekulindeleke ukuba uvunwe ngamafama ombona eMpuma Koloni, logama ingamashumi amabini anesithandathu iitoni zombona omhlophe ezilindeleke kulo nyaka.