AmaXhosa ngabantu bamaqhinga obomi. Zonke izinto ayazigocagoca azikhangele ukuze aphile ngendlela efanelekileyo.
Nakwembi na into, ayaphicotha akhangele ukuba angabangula akhethe ntoni na kuyo apho ukuze alahlele ngaphandle okungalunganga agcine okulungileyo.
Akugqiba ukuvuna ayalikhetha icaca emdlungwini, enze imbewu ngeziswenye, azixhomele nentanyongo, ukanti nemipha ayibonela umsebenzi akayilahleli endle, ngokunjalo nakwiindiza neenkasi. Oku kuthetha ukuba esiXhoseni yonke into iyaphicothwa kukhangelwe ubulunga nobubi bayo.
Ukuba umntwana unentsente ayamhlamba akamlahli. Amanzi anentsila abonelwa umsebenzi, ingaba kukunkcenkceshela nokuba kukuwachitha kuhlaza.
Amanzi anentsila akachithwa ebaleni, apho aza kutsha abuyele esibhakabhakeni engenzanga nto, achithwa kutyani ukuze abe lulutho kulo. Asithi sakukhova ukuhlamba onentsente simchithe namanzi anentsila. Sichitha intsila sishiye umntu.
AmaXhosa ade aneqhalo elithi “uyawutsala umsonto naselindleni lenja.” Xa ke atshoyo athetha ukuba nasentweni embi uyakufumana okulungileyo, ukukhethele bucala.
Unangoku ke kukho abantu abaphila kukuqokelela izinto ezilahliweyo bazithengisele abahlaziyi nabasebenzisi ngokutsha bezinto ezindala nezisebenzileyo.
INcwadi yoBulumko, edume ngegama lokuba yiBhayibhile ngenxa yolwimi lwabasemzini abeza nayo, inobutyebi obuninzi bezinto zamaXhosa.
Uninzi lwezinto ezibhalwe kuyo ayizonto zintsha kwimpilo nenkcubeko yamaXhosa endiqabukele kuyo, ezinye izinto ndiziva ngokuzibaliselwa nanjengomntu wembadu yabantu bakokwabo okwangusozilwimi lwakokwabo. Amasiko amaninzi, kuthabathela nakulawo akwaSirayeli akudala, ngomatwatwatse nezinto zamaXhosa nezendlu entsundu ngokubanzi ngokwezizwe nezizwana neentlanga zayo.
Wambi kulawo masiko akwaSiryeli sele ashiywa lixesha, njengoko kunjalo nakuthi.
Incinci indawana eyalana namaXhosa kwiNcwadi yoBulumko, kukunqula ngabafileyo nokwamkela ishologu. UMphesheya weNcwadi yoBulumko (ubuKristu/itestamente entsha) uyakuchila ukunqula ngabafileyo nokubuzisa kwabaneshologu.
AmaXhosa ke ebethembele kakhulu ekubuziseni kwabaneshologu nakwiimboni zawo nasekuphicotheni kwiimbongi ukufumana umkhombandlela ngezinto eziwaxakileyo.
Kwezi zinto ke ubuKristu buyichwethela bucala ishologu nezici ezisegameni labafileyo. Ishologu nonqulo ngabafileyo azingeni ebuKrestwini.
UbuKrestu bufuna upoqo, hayi ilulwane lona lizibambe zambini kulo: impuku nentaka. Ngamanye amazwi akunothi ungumKrestu ube kanti usabuzisa kwabaneshologu nakwabafileyo.
UbuKleristu abuphelelanga nje kumaXhosa ukubangula izinto, nakumaJuda uqobo benze njalo.
Unqulo lwezithixo (izigodo neziqingqwa ezinqulwayo) buluchithile, atsho amaJuda ahlukana kubini njengathi, kwakho abachasi befuna ukubambelela kwizinto abaziva kooyise ze kwelinye icala yangabaguqukayo bamkela ubuKristu. Akukho yimbi ke into eyalana namaXhosa kwiNcwadi yoBulumko, yimbi engaba ikhona yecikozelwayo.
Nangona kunjalo ke, ingangoboya benja into ebubulumko obulungele wonke umntu kubuKrestu obo. Ubulumko ke bubulumko, akukhathaliseki nokuba buza nabani na esiza nabo ngayiphi na indlela. Andiyiboni ke ngoko into eyoyikwa ngamaXhosa ekusebenziseni nasekucaphuleni izinto eziluncedo kule ncwadi.
Omnye wothi oko kuncinci kwalana namaXhosa kule ncwadi kwenza umonakalo omkhulu, ngako oko makumke kwayona leyo.
Ukwenjenjalo kukuchitha onentsente nentsila. Kanti ke kumele kukhangelwe okulungileyo kusetyenziswe, njengoko utsalwa umsonto naselindleni lenja. Ukutshikilelwa kwale ncwadi zizilumko ezichasene noBukristu kukulala eqhingeni eliyingozi.
Isilumko sokwenene sihlala sivundlile ukuze singaphanjwa nto. Siya kuyichasa ngempumelelo njani ke into esingayaziyo? Ukuzuza icebo lomsi kukotha umlilo kaloku!
Kambe ke, ininzi into efundwa kwezinye iincwadi ezinezinto ezalana nathi, kunjalo nje ikwazezi zilumko ezifunda kwa-ezo ncwadi.
Azinyali ukusebenzisa amazwi obulumko bomntu wasemazweni ongenanto yakwenza nezinto ezimelwe zizo. Zinyala ni ke ukuthatha nakule incwadi? Goba msenge iibhokhwe zikutye!
Owenu kwisiXhosa, Nxuba.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?