Sele ilisuku lwesine olu enyamalele umama uZoleka Gantana (57) ongumnikazi wevenkile eseNcerha Village 7 eMonti kwakunye nomncedisi wakhe uKholosa Mpunga (27).
Esi sibini siqatshelwe ngabahlali kwakunye nabamelwane ukuba ikhona into ekrokrisayo emva kokuba bengabonwa kwaye nasevenkileni kucaca ukuba kuthathwe izinto babe nabo bengekho kwakunye nemoto kaGantana i-Isuzu emhlophe enombolo engu HVH 157 EC.
UWarrant Officer Majola Nkohli uthi inkcukacha ezifumanekayo malunga nokunyamalala kwesi sibini awukacaci ncam njengoko kusenziwa uphando.
Uluntu luyabongozwa onokubanolwazi ukuncedisana namaPolisa atsalele u10111 uzakukhuseleka kungenjalo atsalele uWarrant Officer Lawrence Human ku-0836578904.
AmaPolisa alivulile ityala lokuqhekeza kwanokuba.
UEl Nino uhlasela amafama weswekile