Akakafunyanwa kunanamhlanje utitshala owadukayo

Abazali bakaSiviwe Mpondo owadukayo, uZandisile (60) kunye noGloria Nozuko Mpondo (57).umfanekiso: Siyanda Zakhe

Ligcuma ziintlungu nosizi ikhaya lakwaMpondo eScenery Park eMonti ngenxa yokuduka konyana weli khaya uSiviwe Mpondo (23) obesebenza njengetishala kwisikolo samabanga aphakamile iClarkbury eNgcobo.

UMpondo waduka kunyaka ophelileyo ngenyanga yoKwindla emva kokuba esebenze njengetishala yenzululwazi iintsuku ezintathu kuphela efikile kwesi sikolo. Elila iinyembezi unina kaSiviwe, uNozuko Mpondo, uzityande igila wenjenje.

“Ndamgqibela ngalo mini wayesiya eNgcobo. Ndathi kuye ahambe kakuhle ngalo mini wayesimnka apha ekhaya, wafowuna emva kwemini esithi ufikile eNgcobo, ndamgqibela ngalo mini ngoMatshi kulo nyaka uphelileyo umntwana wam,” ulile watsho uNozuko Mpondo.

Le tishala ibihlohla kwisikolo sembali iClarkbury, emva kokwenza izifundo zenzululwazi (Bsc) kwiYunivesithi iRhodes, eRhini.

Ingxelo ithi uSiviwe wayekunye noogxa bakhe ngethuba bonwabile ngoLwesihlanu othile, waza wacela ukuba abashiye kulo ndawo babonwabe kuyo, akazange aphinde abonwe emva koko.

Inqununu yesa sikolo uAyanda Matshayana uthi le tishala ibinexesha elincinci ikunye nabo kwesa sikolo kodwa ebesele ewenzile umohluko.

“Kwezo ntsuku zintathu awazichitha nathi washiya umzekelo omhle kubafundi. Baphuma bekhuza ngosuku lakhe lokuqala besithi bayaqala ukubona itishala efundisa inzululwazi ingavulanga ncwadi. Yintlungu kuthi le kuba besinethemba kuye uMpondo,” uthethe watsho uMatshayana.

Uthi abafundi baseClarkbury bathathela kubo uxanduva lokukhangela utishala wabo besihla benyuka kwiindawo ezikufutshane ngenxa yentlungu ababekuyo.

Uyise kaSiviwe uZandisile Mpondo uthi akasokuze alahle themba uzakuqhubeka ekhangela amacebo okufumana unyana wakhe.

“Sihambe kubathandazeli, abaprofethi kunye nabantu besiNtu sizama ukukhangela indawo akuyo lo mntwana,”utsho uMpondo.

USiviwe uphumelele isidanga senzululwazi kwiyunivesithi yaseRhodes ngonyaka ka-2012 waza wahlala unyaka ka-2013 engenzi nto. Ngo 2014 ufundele ubutitshala kwiYunivesithi yaseFort Hare.

Ukuduka kweli tyendyana kubangele ukuba abazali bakhe bahambe koogqirha abohlukileyo ngelizamana nempilo yabo.

“Sihamba koogqirha abohlukileyo sichitha imali yonke imihla kuba sigula ngeendlela ezohlukileyo ngenxa yale meko yalo mntwana,”utshilo uZandisile Mpondo.

Ingxelo ithi uSiviwe wagcinwa kwibanga lesibini ngenxa yobukrelekrele kusithwa usemncinci ukuba angahambela phambili, kodwa yonke lo nto ayizange iyitshintshe indlela aqhuba ngayo esikolweni.

“Uqale ukusebenza kwisikolo esiseMntla Ntshona waza wabuya apho ekhala ngelithi akahlawulwanga imali yakhe yinqununu yeso sikolo, wathi unomdla wokubuyela apha ekhaya kungoko aye waqala ukusebenza eClarkbury eNgcobo,” utshilo uZandisile Mpondo.

siyabulela.mqikela@inl.co.za