Akalali behlayo ngenxa yobizo lokulingisa

ULusanda Mbane oqaqambise igama lakhe ngolwimi lwesiXhosa kumdlalo iScandal! Umfanekiso: Facebook.
ULusanda Mbane oqaqambise igama lakhe ngolwimi lwesiXhosa kumdlalo iScandal! Umfanekiso: Facebook.

UMDLALI kamabonakude odume kunene uLusanda Mbane uthi ukulingisa lubizo kuye kwaye yintshisakalo ngaphakathi engamlalisiyo nasebusuku ngenxa yokuba eyixabisile.

UMbane besaziwa njengoBoniswa Langa Mamba kumdlalo kamabonakude uScandal!.

“Zikhona izinto esizenza singajonganga kuwongwa koko ikukufezekisa amaphupho,” utshilo uMbane, ngethuba encokolela I’solezwe, malunga nokuwongwa kwakhe kwiRoyalty Soapie Awards.

Kula mawonga, uMbane uwongwe njengoyena mlingisi ogqwesileyo (Outstanding Lead Actress).

UMbane, uthi kudala ababukeli nabalandeli bakhe bemwonga kumnatha wonxibelelwano, bemtyibela besithi oku ukudalelwe. Uthi oko bekumkhuthaza nangakumbi kumenza azimisele kumsebenzi wakhe kuba engafuni kuphoxa abalandeli bakhe kuquka nabavelisi beScandal!

UMbane uthi eli wonga liza kumvezela amanye amathuba kweli candelo lokulingisa kwaye lithetha ukuba nobengekamqapheli ngoku uza kutsho amqaphele kwaye kuvuleke neminye iminyango.

“Ewe ukunikwa eli wonga lisuka kwaRoyalty Soapie Awards yinkuthazo kum esuka kubabhali besithi huntshu kum, umsebenzi uyabonakala. Ndikholelwa ukuba ndakutsho ndiqapheleke nangakumbi kuvele namanye amathuba ,” utshilo uMbane.

Uthi kudala engumlingisi, kodwa ucinga ukuba eli wonga bekufikelele ixesha alifumane xa elapha kwiScandal. Uthi eli lixesha uThixo ebembekele lona ukuba uya kuthi agqame. Uthi kwiScandal akangenanga inkulu indawo yakhe ebeza kuyidlala, wayeyokuba ngumxhasi kubadlali abasele begqamile.

“Ukubakhaphukhaphu kwam nokwazi ukusebenzisana nabalawuli kwakunye nabavelisi kuko okundenze ndayibona sele igqama indawo yam kwiScandal. Ndingumntu olula kwaye ongazixeleliyo ukuba ndazi yonke into. Xa ndicetyiswa ngabalawuli ndiyamamela futhi ndithobele kwaye ndifunde,” utshilo uMbane.

Uthi okumgqamise nangakumbi njengoBoniswa akanoyibalekela eyokuba usebenzise ulwimi lwakhe lwesiXhosa. Uthi kwiscript sakhe besingekho isiXhosa kangako kodwa wagqiba ekubeni ongeze into eya kuthi yenze aqapheleke, koko ukufakelela iindawo zesiXhosa.

UMbane uphuma eCofimvaba, wakhulela kwilokishi yaseMsobombu eGcuwa, ukhama ifayidukhwe kwaMbane eBhisho.

Okwangoku uthi akukabikho nto ayityikityileyo kodwa kumabonakude useza kuvela kuba lubizo kuye. “Into kufuneka uyishiye kusemnandi kwaye usathandwa,” utshilo uMbane.

Okwangoku ujongene neshishini lakhe leempahla zokunxiba azithengisayo nezibhalwe Zazi, Zithembe, Zithande.