Akalali buthongo kukuxokiswa ngamagosa karhulumente

Thuto Mafempi

UVELILE Nobebe usebenze iminyaka engamashumi amabini anesibhozo kwiinkonzo zongxamiseko (Emergency Medical Services [EMS]) phantsi kwesebe lezempilo, kodwa endaweni yokonwabela umhlala-phantsi wakhe uhliswa esenyuswa ngamagosa angathethi nyani malunga neemali zakhe zepenshini.

I’solezwe lityelele uNobebe (55) kwindlu yakhe eseDabhan eNgqushwa kutshanje, apho sifike enyephile kukudana yinto ayibiza njengempatho-mbi kumagosa athwaliswe uxanduva lokujongana neemali zakhe.

Amehlo akhe ebebomvu futhi eduduzela umzimba lo, ilizwi linendyondyo. Uthi oku kungenxa yokuba womelwa bubuthongo ngenxa yokucinga le mpatho-mbi ayifumana kumagosa esebe lezempilo.

“Amehlo am abomvu ngenxa yokuba andilali, ndivuka nasekuseni ngentsimbi yesibini ngenxa yentlungu endiyenziwa ngabantu ebekufanele ukuba bayandinceda. Into ebangele ukuba ndifowunele I’solezwe kukuba ndixakiwe.

“Ndathi xa ndifowunela ePitoli ndifuna ukuqonda ngemali yam yepenshini, ndaxelelwa ukuba amaxwebhu am aphindiselwa eMonti ngenxa yokuba eneenkcukacha ezigwenxa,” utshilo uNobebe.

UNobebe usebenze iminyaka engamashumi amabini anesibhozo ejongene neengozi kwimimandla engqonge isibhedlele saseNgqushwa iNompumelelo, apho isiza sabo sikhoyo. Amagosa akwa-EMS asabela nge-ambulensi kwiingozi zemoto, zokudutyulwa nokuhlatywa kwabantu.

“Bendicinga ukuba ngeli xesha ndiza kube ndinemali yam yomhlala-phantsi, kanti ndiyaziqhatha. Ndingumntu obehlawula iimali zepolisi yomngcwabo, nezinye. Ndithetha nje nawe, zonke zicimile ezonto kuba iinyanga ezintathu ziphelile ndingenamali ebhankini,” utshilo uNobebe.

UNobebe uthi ngenxa yokungabi namali, unqongotshelelwe kukutya. “Yhini ukuphoxwa ngurhulumente endimsebenzele ixesha elide kangaka.”

UNobebe akayedwanga kule ngxaki. Obefudula engugxa wakhe uThuto Mafempi (57) – osebenze iminyaka engamashumi amabini anesixhenxe kwaEMS – naye uthi ude waphelelwa ngumonde ngokulinda imali yakhe yepenshini. UMafempi ukhutshwe ngugqirha emsebenzini kulandela ukusikwa umlenze ngenxa yokugula. “Ndifuna imali yepenshini, le endiyisebenzele iminyaka. Lide eli thuba ndilindile. Asiyomeko intle le. Nam ndicinyelwe ziipolisi zam kuba andinamali ebhankini,” utshilo uMafempi.

Abatata bathi ukusebenza kwii-ambulensi yinto ebangela umvandedwa nonxunguphalo noxa nje iye iqheleke ngokuhamba kwexesha. “Umsebenzi wethu ngumsebenzi ocekeceke kakhulu, maxa wambi usabela kwingozi kanti ngumntu ohlala naye apha ekuhlaleni okanye isizalwane sakho. Ayimnandanga lo nto, kodwa xa uqhutywa yintshisakalo yokunceda uluntu, lo nto iyanyamalala,” kutsho uNobebe.

Isithethi sesebe lezempilo uSizwe Kupelo, uthi ulibaziseko kumaxwebhu kaNobebe kubangelwe kukubhidana kweenkcukacha zakhe ngethuba esebenza kwiphandle laseCiskei. “Lo mba siwunika ingqwalasela, uzakulungiswa. KuMafempi akukho ngxaki, iinkcukacha zakhe ziyalungiswa ePitoli.”