Oyinzalelwane yelali uGogozayo, eMqanduli, uThobile Thobo Namfu, uthi ubuchule bokusebenzisa izandla zakhe yinto efana nobizo okanye nofuzo kuye kuba wayincanca ebeleni kumama wakhe njengoko esithi ngethuba esengaphantsi kweminyaka elishumi (10) waye azotyelwe ngumama wakhe intshontsho lenkukhu elihle, kuba umama wakhe embona ukuba unyana wakhe uyakuthanda ukuzoba koko kusenzinyana.
UNamfu (46) ongutata kubantwana bakhe ababini nokhe waduma ngokuzoba umfanekiso weKumkani yabaThembu uKumkan’uBuyelekhaya Dalindyebo, ukwanguye nompetha kumsebenzi wokufaka iithaylzi ezindlini. Uthi, nako zange akufundele esikolweni koko wamane elandela umzala wakhe onguNkululeko Mvulane ambukele xa efaka iithaylzi.
“Andinakuze ndilambe okanye ndilale ndingatyanga ndinazo izandla kuba andinakuxoka uThixo undiphile isakhono sokusebenzisa izandla zam.
“Andiqondi ikhona into engandoyisa eyenziwa ngezandla ezinye ndiziyeka ngenxa yexesha ndaqonda ukuba mandibe ndijonga kule kuba yeyona inamathuba kunaxa ndithelekisa nokuzoba kwaye yeyona indondlela usapho lwam,” utshilo uNamfu.
Namfu nosele engumhlali kwidolophu yaseMthatha nowaqala imfundo yakhe kwisikolo iUpper Ngqungqu J. S. S kuGogozayo, waphuma eyokugqibezela eGoli, uthi ukuzoba yinto eye imchukumise eloxesha.
“Ukuba bendibonga bendinokuthi ndiyiMbongi yomThonyama yona isuke idwanduluke kuba nam ndinjalo ndiphinde ndithi cwaka. Ukuyenza njengeshishini andikakulungeli kwaye ndityhafiswa nakukuba apha ePhondweni asiyonto ixhaphake nje ngakwiidolophu ezinkulu.”
Uthi okubulekileyo xa uzoba kukuba neenkcukacha apha kumzobo. UThobo uthi xa ethe wazinikela kumzobo uyakwazi ukuthatha iintsuku ezimbini kuphela awugqibe, kwezontsuku zimbini asebenzise iyure ezintathu ukuya kwezine.
Lo mchweli uthi uthanda ukuzoba ngexesha lasebusuku kuba akukho nto iphazamisayo ngokokutsho kwakhe. Uthi omnye womngeni anawo kukuba akanayo indawo uzoba kwakwindlu enye ahlala kuyo nosapho lakhe.
Okunika umdla ngalo mzobi kukuba uncediswa yinkosikazi yakhe uAmandisa Ngubentombi Namfu nathi uneliso elibukhali lokubona noye amlumngise xa ebhudile. Uthi okuye kumnike umdla xa ezoba nangona ejongene nemingeni kukubukelwa ngabantwana bakhe.
Uqhube wathi nangona engumntu onamathambo uyambulela uThixo kuba impilo ayimphazamisi ekwenzeni umsebenzi wakhe wezandla. Lo sele efundise uninzi lwabantu ekufakeni ithaylzi
Umzobo weKumkani yabaThembu usekuye kuba esalinde ithuba elihle, uthi zange athunywe wazicingela kuba eyithanda la Kumnkani. UNamfu uthi usazakuqhubekeka ezoba nangona esithi yinto ayakugxila kuyo mhla wathatha umhlala phantsi.
Uthi zininzi azixhomileyo ungamjonga kumakhasi onxibelelwano afana noInstagram kwakunye noFacebook nalapho aye azobe nosapho lwakhe.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?