Akangeni emotweni ngenxa yenkubazeko!

USinovuyo Matibe (28) ophila nenkubazeko yomzimba omkhulu ngendlela emangalisayo UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

MKHULU ngeyona ndlela emangalisayo kangangokuba akakwazi ukungena kwiphela (iimoto ezincinane zokutekisa) kwaye xa egula ubizelwa ii-ambulensi ezintathu ze afakwe kwingxowa eneziphu yababhubhileyo phambi kokuba akhweliswe kwistretsha.

Lowo nguSinovuyo Matibe (28) wakwa-N.U.1 eMdantsane. Kwinkubazeko yakhe, akakwazi ukuthetha, akakwazi kuhamba.

Umama kaSinovuyo, uNomthandazo Matibe (49), uthi akuyichaza imeko yomntwana wakhe asothule phezulu isikhalo.

“Mhla egula, kufuneka kuze iiambulensi ezintathu emva koko sibize nabanye abahlali ukuze simphakamise ngestretsha. Phambi kokuba aphakanyiswe ngestretsha, kufuneka afakwe kula ngxowa izitshwayo yokufaka izidumbu kuba mkhulu,” kutsho uNomthandazo.

Uthi inkubazeko yomntwana wakhe uyiqaphele xa eneminyaka emithathu.

“Ukumfumana kwam ndandicinga ukuba iza kuba ngumntwana ofana nabanye. Xa eneminyaka emithathu, ndafumanisa ukuba mkhulu kakhulu kwaye akakwazi ukuthetha.

Ngethuba wayemncinane ukhe wakwazi ukuhamba, ingxaki iqale xa esiya esiba mdala wamkhulu kakhulu. Ngethuba esakwazi ukuhamba wayebetha abantu apha esitalatweni, ebetha neemoto zabantu,” utshilo uNomthandazo.

Ngethuba ebalisela I’solezwe lesiXhosa ngentlungu yakhe, uNomthandazo usothule phezulu isikhalo ecinga mhla umntwana wakhe wayebhukuleka edakeni kusina imvula. “Into eyandililisa kukungakwazi ukunceda umntwana wam ephambi kwam,” kutsho uNomthandazo.

Ukongeza kwintlungu kaNomthandazo, uSinovuyo wophuke umlenze kwiveki ephelileyo. Akuphelelanga apho, uphinde akayifumana imali yakhe yendodla yabakhubazekileyo. Xa esiya ebhankini, uNomthandazo uxelelwe ukuba makeze noSinovuyo.

“Ndiza kuya naye njani ebhankini kuba akangeni epheleni. Noba ndingamqeshela ibhaki, uza kufakwa ngubani kuyo?” kubuza uNomthandazo.

UNomthandazo uthi ufuna indawo yokuhlala eza kulungela uSinovuyo.

“Into endikhathazayo kukuba asikwazi kuhlala ngendlela apha endlini kuba baninzi abantu apha endlini. Ndirhalela nezi zindlu zingahlali bantu, ndihlale nomntwana wam ndikwazi ukumnceda.”

UGcobani Maswana osisithethi seSebe loPhuhliso loLuntu eMpuma Koloni uthe: “Le yimeko embi kakhulu xa kanti olu sapho alufumenanga ncedo kude kube ngoku. Kodwa njengesebe siza kusebenzisana namanye amasebe karhulumente ukujonga ukuba zeziphi ezinye iinkonzo ezinokuba luncedo kusapho olu.”

“Esinokwenza kukuthumela unontlalontle sijonge imeko yabo kweli khaya. Ukuba isidingo sendlu siye sabonakala, iSebe lokuHlaliswa koLuntu kuza kufuneka lingenelele kwakunye namanye afana neSebe lezeMpilo ukuze kuncedakale olu sapho,” utshilo uMaswana.