UKhuselwa Mpoziswa, owahlaselwa sisifo sokufa icala (stroke), uthi ubom bunzima kakhulu kuye.
UMpoziswa, oneminyaka engamashumi amane anesithathu (43) ubudala, ngumhlali waseMzamomhle eMonti.
Lo sisi uthi ubomi bakhe batshintsha kakhulu nanjengoko engakwazi ukwenza izinto ezininzi awayekwazi ukuzenzela zona ngexesha engekaguli.
Esi sigulo simhlasele ngonyaka ka-2013 nokholelwa ukuba unobangela waso kwaqala ngethuba ephulukana nomsebenzi wakhe. “Umntu owayendibambele emsebenzini ndafika sele engafuni ukuphuma,” utshilo uMpoziswa.
UMpoziswa unabantwana ababini nathi uyazama ukubanceda ngemali yokugula athi ayifumane kurhulumente. Uthi yintlungu ukugula kwakhe kuba akakwazi nokuziphekela, uyancediswa naxa kufanele alale okanye avase , kuba yena ayikho into akwazi ukuyenza kakuhle ngaphandle kokuncediswa.
Lo sisi ukwakhala nangendawo abahlala kuyo (egalini) esithi iyanetha xa uhleli ngaphakathi kulo uyambona umntu ohamba ngaphandle. Uthi ebenovuya xa ebenoncedwa ngendawo engcono kunale ahlala kuyo. UNokwandisa Chiliwe noneminyaka eyi-77 nongumama kaKhuselwa uthi kwatshintsha nobakhe ubomi emva kokugula kwentombi yakhe kuba kwanyanzeleka ayeke ukuhamba imicimbi nezinye izinto ingakumbi ezo ziye zilalise kuba kufuneka esoloko ejonge intombi yakhe. “Andisazihambi izinto, nemilaliso ecaweni ndayiyeka mhla kwagula intombi yam,” utshilo uChiliwe.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman