intwazana eneshumi elinesibini yaseScenery Park eMonti ithe yaba lixhoba lokwenziwa umfazi nguyise wayo oyizalayo oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ubudala, ngokuthi amane ezithathela ngolunya kule ntwazana yakhe.
Aba bahlala bobabini kwityotyombe labo njengoko umama womntwana engasekho emhlabeni. Ingxelo ithi utata womntwana emva kokubhubha komama wangxama ngokuthi nguye oza kuthi azikhulisele umntwana wakhe akafuni ukuba ahlale emzini.
Okubuhlungu kukuba umntwana ubhaqwe sele onzakele kakhulu ngezantsi kwaye sele osuleleke nakwizifo zangaphantsi.
Abahlali baseScenery Park bazalise inkundla ngoMvulo beyokulwela ixhoba, besithi ziinzame zokufaka umfutho kwinkundla ekubeni anganikwa bheyile utata womntwana. UAndile Faye nongusihlalo wombutho weEFF eScenery Park uthi kubuhlungu oku, kungoko bephakamile kuba oku kwenziwe ngumntu olithemba emntwaneni ekumele ukuba uyamkhusela. UFaye uthi intwazana le iqatshelwe ngumakhulu wayo ohlala eMdantsane ngethuba eyokumbona ngempelaveki ethile ukuba inengxaki.
“Umqaphele xa ehlala phantsi kuba umane ehlala ngempundu enye. Wabuza umakhulu ukuba kutheni engahlali kakuhle nje wathi ukuphendula kubuhlungu ukuhlala kakuhle kuba uyathunakala. Umakhulu uxelele iEFF ukuba esithi akazazi yena uza kuqala ngaphi, akayazi ukuba kuye kuthweni xa umntwana ekwingxaki elolu hlobo,” utshilo uFeya.
Umntwana ubonwe ekliniki ngoonesi ukuba sele onzakele kakhulu nanjengoko kucaca ukuba besele kulithuba edlwengulwa umntwana nguyise. UFaye uthi utsalwe negazi nekulapho kufumaniseke ukuba usulelekile nakwizifo umntwana.
Abahlali bebephambi kwale nkundla besithi makanganikwa bheyile lo tata kuba akafanelekanga kuhlala nabantu sisilwanyana, xa enje ufanelwe yijele.
Umrhanelwa uza kubuyela kwakhona kwinkundla yamatyala kungekudala apho aza kube efaka isicelo sebheyile.
UFeya uthi baza kulilwela ixhoba de inkundla ibone ukuba akafanelekanga kubuyela ebantwini umrhanelwa.
Ubethwe entolongweni uNandipha Magudumana