Igama likaNjingalwazi Sibusiso Bengu liyaziwa ngabo babengootitshala kwanabo babengabafundi ukusuka kunyaka ka1994 ukuya kunyaka ka1999.
UNjingalwazi uBengu ufumene isidanga sokuba yiNjingalwazi kwiYunivesithi yaseZululand ngonyaka ka1977, waza emva koko wasebenza ngamandla kwezemfundo. Esi sifundiswa siphume izandla, sibhubhele ekhayeni laso eMthunzini kwiphondo laseKZN sifince iminyaka engamashumi alithoba sisidla amazimba.
UBengu yenye yamadoda eyathi yathenjwa nguNelson Mandela ngethuba wayekhangela amadoda namakhosikazi awayeza kuncedisa ukumisa urhulumente wokuqala wabantu abamnyama.
UNjingalwazi Bengu usebenze njengonozakuzaku weli kwilizwe laseJamani nathe kamva wathatha umhlala phantsi ngonyaka ka2003. Ingxelo yosapho lakwaBengu ithi le ngwevu ibikuvuyela kakhulu ukubona usapho lakwaBengu luhlangene konwatyiwe.
“Ebehlala encumile, evuya kakhulu xa sinendibano yosapho, evuyiswa kukubona wonke umntu wekhaya ekhona ecaleni kwakhe,’’ kutsho uSithembiso Bengu.
Emva kokuchitha ixesha elide esebenza kumanqanaba ahlukeneyo kwezemfundo, uNjingalwazi Bengu ushiya ngasemva inkosikazi yakhe uFuneka, iintombi ezine kwakunye nonyana omnye.
UNjingalwazi Bengu ufumene isidanga sakhe sobuGqirha eGeneva ngonyaka ka1974, oku kwenza ukuba abone impumelelo eninzi kwikamva lakhe. Ngo1969 uBengu wasungula isikolo samabanga aphakamileyo KwaDlangezwa eMpangeni, waza ngo1976 wabayinqununu yesi sikolo.
UBengu ukhe wasebenza njengoNobhala Jikelele wombutho weIFP, washiya emva kokungaboni ngasonye noMangosuthu Buthelezi.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo