Ayangena ayaphokoka amazwi ovelwano emva kokuvakala kweendaba zokubhubha kwemvumi yejezi eKapa nakuMzantsi Afrika uSilvia Ncediswa Mdunyelwa. Le mvumi yejezi ekwasebenze nje ngomsasazi ibhubhe ineminyaka engamashumi asixhenxe anesine (74).
UMdunyelwa ushiya ngasemva umzila ocacileyo wegalelo lakhe kumculo wejezi eNtshona Koloni nakuMzantsi Afrika.
Abathandi nabalandeli bakhe bebekwambiza ngegama elithi Mama Kaap, kaloku ebengumntu wabantu uNgce.
Kuthwa uMdunyelwa ubhubhele ekhayeni lakhe emva kokugula ixesha elide. URhulumente weNtshona Koloni uyincome ngenene indima negalelo elidlalwe nguMdunyelwa kumculo wejezi kwela Phondo.
Othethe egameni lekhaya lakwaMdunyelwa uBanzi Tema ucacisa imvakalelo yabo ngokushiywa nguNgce.
“Ebenesiphiwo sokudibanisa nokunxibelelanisa, kubuhlungu kakhulu kuthi silikhaya ukushiywa nguye,” kutsho uTema.
USilvia Mdunyelwa ukhe wasebenza nje ngomsasazi wenkqubo yejezi kwisikhululo uMhlobo Wenene esebenza ezinze eKapa. “Sicela inkxaso yenu nisisizwe, namazwi enkuthazo ngeli xesha lokuba sisentlungwini,” utsho uTema.
Okwa ngoku akukho zinkcukacha zikhoyo malunga nomngcwabo weligqala lomculo wejezi. “Sikwacela ukuba sinikwe ithuba silikhaya nanje ngoko siseza kuhlala phantsi sithethe ngamalungiselelo omngcwabo nenkonzo yesikhumbuzo,” kutsho uTema.
Ukusukela emva kokuba ilizwe loMzantsi Afrika lathi lalawulwa ngentando yesininzi uSilvia Mdunyelwa ebephakathi kweemvumi ebezicula kwimicimbi ephambili eMzantsi Afrika.
Ukusungulwa komsitho wejezi okwinqanaba lehlabathi eKapa, uSilvia Mdunyelwa wayephakathi kweemvumi ezazitshila eqongeni. Uthandiwe, elandelwa kakhulu ngabathandi bejezi eNtshona Koloni uMdunyelwa, kwaye uyidlalile indima yakhe yokonwabisa abantu.
Umphefumlo kaMdunyelwa uyishiyile inyama ekuseni ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kule nyanga. Kuye sithi hamba ke Thithiba wasemlanjeni.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa